Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndicela undicacisele ngeliphupha Tata ndiphupha sibathathu mna noosisi bam ababini phambili ngomdala kuthe xa emva kwakhe ibe ngulo uphambi kwam uthe xa ehamba waxhunyelwa zizinja ezimbini zawtya wanalamabala amhlophe ingathi utshile andilaz ba lithetha ntoni.

Impendulo: Camagu: Iphupha elinjalo liqulathe isikhalazo umyalezo wesilumnkiso kulowo ulunywe zizinja okanye kuni njengosapho. Oku kusenokubangelwa kukunganaki umyalezo othunyelwa kuni zizinyanya okanye ukwala ukwenza iimfanelo zekhaya kuba nisithi anikholelwa kwisiNtu. Emveni komyalezo okumila kunje, kulandela izibetho zodwa.

Iphupha: Molo mhlekazi, ndinengxaki yokuphupha soloko ndibethana nomntwana wam akakhali tu iyandihlupha lo nto.

Okwesibini ndiphupha ezicheba intloko nalapha entla kobhuti lo wakhe ngeblade ebechetywa ndim kuqala ndim kuqala inqkayi ngaphandle kwamanzi yena uthi kum mama undicheba kakubi ngoba andiphethanga nasepha kulapho azozicheba khona ndimqusha kabuhlungu umntana wam ngephini ingaba yintoni le nto yeli phupha ?

Impendulo: Camagu Mama. Ndicebisa ukuba udibane nabantu bakuloyise womntwana ukuzama ukusombulula eli qhina kuba kuyacaca ukuba kukho isikhalo ngakumntwana lowo.

Imeko yokuzicheba kukubonisa ukungoneliseki yimeko egqubayo, hlalani ke kuba ukho undonakele.

Iphupha: NDICELA UBUZA XA UPHUPHA UKHALA UDE UBENESINGQALA KUTHETHA NTONI

Impendulo: Ingxaki ikhona xa kunjalo. Oku kuchaza imeko ezayo kuwe nezakuzisa iinzima engathethekiyo, oku kusenokubangelwa sisibetho esisuka kwabaphantsi okanye ukutshikelela kwakho imeko ehlangene nokuphucula ikhaya lakho.

Xa kunje kufuneka uzibandakanye nomcimbi wokuzithoba kwabo bangqumbo yabo ijonge kuwe ukuze bangawiseli ububi phezu kwakho.

Iphupha: Camagu tata, ndicela undicacisele ngeli phupha. Ndisoloko ndiphupha umfula onamanzi amdaka lo mlambo uyagquma ndicela ubuza ukuba lithetha ukuthini eliphupha. Elesibini ndisoloko ndiphupha ndisinda indlu enkulu ngobulongwe.

Impendulo: Camagu. Wena kuyacaca ukuba ungumntu onesiphiwo sokunceda uluntu, abantu bakowenu batyumbe wena ukuba wamnkele ubizo ngokohlobo abafuna ngalo.

Khumbula ke ukuba ukungawunanzi lo myalelo kungazisa ilishwa kuwe. Zama ke ukudibana nomntu onamava kunyango lwemveli ukuze akwazi ukucebisa ngekumele ukwenze.

Iphupha: Ngicela ukubuza ukuthi kusho ukuthini ukuphupha umuntu eshonile enendlu yakhe ngaphansi komhlaba?

Impendulo: Ukuba lowo ngumntu ogulayo okanye ompilo yakhe inkenenkene kutsho ukuthi uzakuphila.

Iphupha: Camagu Makhehla noGogo. Gogo ndiphupha sengathi bendisesibhedlele ngoba bendiphuke isandla kodwa nonyawo lam ingathi lusafake ukhonkolo( bendikhe ndophuka ngo’2016).

Ingathi kweliphupho kukhona ugqirha oyi albino ondibonisa apho ndizoncedwa khona, ndaya kumongikazi kodwa akandinceda.

Ndiphume esbhedlele sengathi ndinomthwalo omninzi impahla ndizifake kwibhegi yeplasitiki… ndithe ndiyabona sendise motweni yamapolisa ngemva, ndize ndixakwe ndithi kumele ndihlanjwe ngoba kulibhadi ukukhwela ngemva emotweni yamapolisa… le moto yamapolisa ihambe apho bendisoyika khona emanzini amdaka anodaka ndize ndacinga ukuba ngeke ikwazi ukuphumelela.

Kodwa iye yahamba yayofika apho besisiya khona. Bendicela bantu abadala uncedo… Camagu!

Impendulo: Camagu. Iphupha lakho liqala ngokubonisa imeko okuyo ebomini ukuba uphakathi kwezinto ezininzi inxenye yazo ekwenza uthandabuze okanye ufune ukulahla ithemba.

Libuya ke ngoku likubonise ukuba isisombululo sikunyango lwesintu hayi kwenye into yasemzini. Kusakufuneka ke uzame uncedo lwesintu nokuba yeyiphi lomeko ukuyo neyaziwa nguwe.

Nangona oku kungazobalula kodwa kuzakuza nesisombolulo. Chosi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi – The Healer okanye

usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsApp wethu:

063 743 9538