Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Yho! soloko ndiphupha ngathi umlomo wam ugcwele into emhlophe ngathi yitshepisi. Xa ndimkhupha, awupheli umninzi, ndixakene nawo, kwaye uvale umlomo wam.

Elesibini, ndiphuphe ndihamba indlela ende, ingathi iya kulotatam, kodwa ububi obu bayo iya kulo mamam. Imbi iyimiwonyo, ndithi ndisahamba ndizibone ndihamba phezulu, ezantsi kule ndawo ndiya kuyo. Imbi le ndlela, inawo namanzi amdaka. Ndisaxakiwe, gqi abantwana bandibonise indlela eyiyo ekufuneka ndihambe ngayo. Ndisahamba njalo, gqi-gqi kude kufuphi xa ndizokujonga, zezakulo mamam izindlu zodaka ezi, suke ndothuka ndingekafiki kulo mamam. Ndicela ukuchazelwa lithini okanye lithetha ukuthini?

Impendulo: Uyabangwa ngabantu bakulo nyoko, oku kungenziwa zizizathu ezininzi, mhlawumbi bakukhulisile njalo-njalo, wena wajonga kakhulu kwelicala lakulo yihlo. Kungenzeka nomzi wakulo nyoko uwile ujonge ukuvuswa nguwe.

Iphupha: Molweni, ndinephupha endicela ukulicaciselwa ukuba lithetha ntoni. Ndiphupha ingathi sisesingcwabeni ekhaya, kungcwatywa umntakwethu owaswelekayo, qha waze wangcwatyelwa kukhaya-khulu, ngokungathi wombiwe, waziswa apho sihlala khona enxiweni. Sithe kusaqhubeka isingcwabo njalo, mna nodade wethu saxabana ngeqhiya, sithe sisaxabana njalo, saqaphela ukuba ubhuti lo ungcwatywayo akafakwanga ebhokisini, ugqunywe ngenyasa phezu wetafile. Sithe sisajonge leyo, sabona esiwa pha kula tafile, wacholwa, wabekwa phezu kwesitulo. Wathi umama kum inokuba uyagodola masimombathise ngeduvet ebifike nodadewethu lo bendilwa naye. Sithe sisahleli, sabona ubhuti evuka kwesa situlo ebebekwe kuso, wanga umama, ogqiba wagabha into emnyama, esithi mama bandithathile, sithe xa sizomnxibisa impahla entsha waduka.

Impendulo: Kufuneka kulungiswe umoya kabhuti wakho, kuyacaca ukuba akonwabanga apho akhoyo. Oku kusenokubangelwa ngumsebenzi awufunayo, ukungaxoli kwindawo abekwa kuyo. Ukuba wasweleka ngengozi, kufuneka nikhumbule ukuba nalapho kubakho kumakhaya amaninzi umcimbi wokuhlamba ingozi leyo ekhaya. Isenokuba yenye yeengxaki leyo.

Iphupha: Camagu Tata! ndinzima, kwaye umfana wam undiphuphela siphuncuka isisu sam, kwade kwakathathu ephupha into enye. Umalume wam yena undiphuphe ndiyokubeleka, ndasweleka mna ndigqiba kubeleka, ndashiya usana lwam. Ndicela ukuwaqonda ukuba athetha ntoni la maphupha.

Impendulo: Camagu Sisi. Kuzakufuneka uhlanganise abantu bekhaya nikhe nikhangele undonakele apho ukhoyo, kuba amaphupha anje ngala, axhaphake xa sukuba kukho isikhalo kwabalele ukuthula ngemicimbi yakho yamasiko ekhaya, ingakumbi isiko lentambo, neliye libe yingxaki ebomini bakho ukuba khange ulenzelwe. Zama ke ukubonisana nabantu bekhaya ngale nyewe. Chosi!

Iphupha: Ndiphupha ndizithambisa ngamanzi omxoxozi. Camagu!

Impendulo: Umxoxozi sesinye sesidlo ebesibaluleke kakhulu kuthi maXhosa phambili phaya, kwaye ibiyi nto esizidlayo ngayo kuba ibisisihluma-mhlabeni esiphelisa indlala kuthi bantu.

Ukuziqaba ngamanzi wawo kusenokuthetha izinto eziliqela, kodwa ndizakukhankanya nje ezimbalwa. Amanzi la ebeba luncedo kwiingxaki zokugutyula ulusu lwakho namasentse ukuze inkangeleko yakho ibentle phakathi kwabantu.

Iphupha elo lakho libonisa ukuba kulo ngxaki ukuyo neyaziwa nguwe asinto idaliweyo, koko yinto yangabom nebangelwa yimimoya emdaka. Ngoko ke zigutyule – Ungawasebenzisa kwa amanzi lawo kulo msebenzi. Kodwa funa uncedo lomntu onamava kwimicimbi yonyango lwesintu.

Iphupha: Camagu, xa umntu ephupha engena kuRonta onegqirha elungumama, liqhumisa into, ndithe xa ndingena ndatsarhwa ngumsi!

Impendulo: Hamba, ukhe uyoyisabela kakuhle le nto kuba iinkcukacha ondinike zona azanelanga. Kodwa kungenzeka ukuba uyacetyiswa ukuba ukhe uyokusabela malunga nezinto ezikungqongileyo.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer phaya okanyeusithumelele iphupha lakho kumnxeba

kaWhatsapp

wethu:

063 743 9538