Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ulwandle lunamaza kukho indlu kwalapha kulo ngaphezu kwamanzi, inamagumbi amane, yakhiwe ngezitena ezitshisiweyo, isituphu sayo sibomvu. Mna bendime nomama enyeleni, ndathi kuye makasondele ndimlungise iinwele, uligqirha, uneenwele eziphothiweyo.

Uye wathi kum masingene ngaphakathi kule ndlu ndabaleka kuba ndiyawoyika amanzi. Emva koko ndiphuphe ichweba lindirhangqile kodwa ndingatshoni. Lithetha ukuthini?

Impendulo: Camagu! Amanzi ephupheni nokuba sukuba equlathe umyalezo kumaxesha amaninzi. Lo myalezo uthanda ukuba ngohlaba ikhwelo kulowo uphuphileyo ukuba amnkele ubizo lobugqirha.

Inkolo yethu bantu abantsundu ithi sonke siphuma khona emanzini kwaye imimoya yabantu abazizinyanya kuthi iphila khona apho. Chosi!

Iphupha: Ndiphupha ndifilisha ifom yomsebenzi.

Impendulo: Oku kusenokuchaza ukufumana umsebenzi, kodwa ukuba ungumntu osebenzayo kungachaza ukunyuselwa kwiskhundla esingentla okanye ukuqeshwa komnye umsebenzi ophucukukileyo kunalowo ukuwo.

Ukanti ngamanye amaxesha oku kusenokuchaza inguquko kubomi bakho okanye isiqalo esitsha.

Iphupha: Ndiphupha inja enkulu ihamba epasejini endlini ingena kumagumbi onke, ingekho ndlongondlongo.

Impendulo: Ngokwesintu ukuphupha inja kuchaza izinyanya. Kangongokubaluleka kwephupha elinjalo ibingabizwa nokuba yintoni leyo uyibonileyo ukunika intlonipho kwabo bantu bakowenu bathe bakundwendwela.

Indlela yokulihlalutya kakuhle eli phupha ikwimeko leyo inja ivele ngakhona. Kweli lakho kuyayacaca ukuba umhlekazi lowo ebebonisa ukukhuseleka kwekhaya lenu. Nani ke kufanele nibulele kwizihlwele gokuthi kungadluli thuba lide ningasilanga ekhaya. Camagu!

Iphupha: Ndiphupha iingqekembe zemali kwingubo endifutha ngayo.

Impendulo: Intetho ethi ukufa kusembizeni ivela kanye kwimeko enje. Iphupha elo lizama ukukulumnkisa malunga nechiza olisebenzisayo ngelithi akukho nto okanye nguquko lizakuza nayo ngenxa yeemeko ezininzi eziphenjelelwa zimeko zeekhaya. Camagu!

Iphupha: Ndiphupha ndithanjiswa umqolo ngomnye woogxa bam emsebenzini.

Impendulo: Ngumhlobo lowo kwaye izihlwele zenu ziyavana. Kukhulu enizakuhlangulana kuko.

Iphupha: Ndiphupha umama wam ongasekhoyo egula ndimbambile. Ekuhambeni kwethu ndithe makaphumle ndiyokumlandela into yokombatha, waziqinisa esithi akandinwanga, ndamshiya ndayokufuna into yokombatha.

Impendulo: Mombathise! Kaloku oku kuqhele ukuvela emva kokuba umntu lowo ethe asokungabikho akawezelwa umsebenzi wokumkhulula, okanye ukumhlanganisa nemimoya yabantu bakokwabo abemnka kwantladlolo.

Ngoku uzifumana ekwimeko yokungamnkeleki ncam apho akhoyo. Mombathiseni ke ngohlobo ekwenziwa ngalo ekhayeni lenu xa ethe umntu wahamba.

Iphupha: Ndiphupha ndinyuka endaweni ethambekileyo, ndicangcatha ndisokola ukunyuka kodwa ekugqibeleni ndide ndiphumele.

Impendulo: Oku kubonisa imeko ezininzi ezikungqongileyo nalapho kunzima kuwe ukuphumeza izinto eziliqela.

Iphupha ke lizama ukubonisa ukuba kufuneka uncedisane nabantu bakowenu ekulweni imimoya engendawo ukuze nikwazi ukusebenza ngokukhululeka. Chosi!

Iphupha: Ndiphupha kwindlu eyakhiwayo kwenziwe itrantshi kugalelwe isanti, omnye wabokhi wandibiza esithi mandizobona kube kugalelwa isamente, ngathi ndithi andifuni kombiwe imigxuma emininzi.

Kwakweli phupha lendlu iyatyatyekwa, ngaphakathi ngathi kuhleli ubhuti owayengumyeni wam, nenkazana yakhe. kuthe kusenjalo kwangena umama wam owaswelekayo wahlala nam. Kusenjalo kwakho usisi othi mandihlambe abantwana ababini. Yabe le ndlu sikuyo igcwele udaka ekuyasetyenzwa ngalo.

Impendulo: Kumele ukhathazeke ngeli phupha kuba lizama ukukutyhilela izinto ezininzi. Lizama ukuchaza ukuba imeko yokwahlukana kwakho nobhuti lowo yaphenjelelwa ngumntu, kwaye oku akuzange kuphelele apho.

Eli phupha liqulathe umyalezo ofuna uthathe amanyathelo okuzama ukuguqula isimo eso sakho. Ndingavuya kakhulu xa unokuthi uqhagamshelane nam nqo ngalomba.

Chosi!

www.umphilisi.co.za cell: 071 776 2394 Facebook: Umphilisi – The healer.