Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ndisebuhlanti, ingathi bendikulo mama apho ndithe xa ndihamba-hamba kobu buhlanti suke qho xa ndinyathela kutaka iziqhuma zemali ezingqekembe.

Isiqhuma sokuqala bekukho isenti, 2 cent ezi zakudala kunye ne-R5 le inendawo emdaka (Brown).

Ndiqhubekekile nohambo lwam ebuhlanti kwamane kuvela iziqhuma zemali emhlope qho xa ndinyathela… ndizamile ukuyicholachola ndiphethe iplastiki ndade ndoyiswa, iiplastiki zam zigcwele.

Kusuke kwafika indoda yaseNigeria yacela undincedisa ukuchola ndavuma kodwa ndathi ndicela lingandi thumeli ngotsotsi nalo malizicholele. Ndicela undicacilsele ngelo thongo tata… ndoyika mcimbi wemali nalo mcimbi womgquba. Camagu!

Impendulo: Camagu Sisi. Iphupha lakho lichaza ingxaki ekhona phakathi ekhayeni lakulomama, le ngxaki ichaphazela abantwana bomgquba.

Ngamanye amaxesha siye sizibone sigaxeleka kwimeko ezibangela ukuba sincedisane nokukhulisa amakhaya ethu ingakumbi umcimbi wokwandisa imfuyo phakathi kwekhaya.

Ezinye izinto esizisebenzisayo ziye zingamnkeleki kumanyange, umzekelo umcimbi wokuthwala ngenjongo yokuzityebisa ze athi ubani lowo wenza lo nto esakusweleka into yakhe ibe yimhemhe yekhaya.

Eli phupha lakho lifuna ukuba nilungise ubuhlanti obo bakowenu kuquka nekhaya elo ukuze izihlwele zekhaya zikwazi ukuba nendawo yokuhlala, lo nto ukuba ayenziwa izakuzisa ubhubhane phakathi kwikhaya elo.

Zamani ke ukuhlangana nooSiyazi ozakwazi ukunisingathela lomsebenzi.

Iphupha: Ndiyathanda uphupha ndibethwa ngumbane okanye izulu, kwaye xa ndivukayo, ndivuke ndinoluya uvalo. Enkosi.

Impendulo: Camagu Mhlekazi. Iphupha lakho alimele likothuse njengoko kubonakala kulo, kuba xa uphupha umbane oko sukuba kuveza isiqalo esitsha kuwe.

Kukho imeko ethile ezakwenzeka kuwe nezakutshintsha ubomi bakho oku kungazindlela ezininzi kuquka ukufumana ingqesho, ukonyuselwa emsebenzini, ukufumana imali njalo njalo.

Iphupha: Xa ndisiya ekhaya ndibona iflegi emhlophe, xa ndisiza yatshintsha yayinyoka emnyama, yatshintsha yayiqhiya emnyama. Tata kwenzeka ntoni?

Impendulo: Kufanele woyike xa kunombono onjalo kuba lo nto ichaza isibopho esikhona phakathi kwikhaya elo. Kwaye le nto ikhangeleka njengesohlwayo kwinto eyenzekayo nengazange yamnkeleke kumanyange ekhaya elo.

Kungenzeka ukuba kuni apho ekhaya kukho utyeshelo kwizinto ekumele ukuba nizithathela ingqalelo oku kuquka nokunganaki amasiko nezithethe zekhaya elo.

Ubuchule kukuba nikhe nithethane nilikhaya nikhangele ukuba yintoni le nto niyiphosayo ekumele ukuba kudala yenziwa xa kungoku. Ukuba ke anifumani sisombululo ningathabatha iintonga niye kooSiyazi.

Iphupha: Ndinephupha apha ndisekhaya ndiphambi kwendlu kwicala lasekhohlo xa ndingaphandle, ndimile nomntakwethu ondelamayo kodwa apha encokweni ndibone kuhleli utata omdala onxibe dlakadlaka kwaye iinwele zimdaka, uchophe esitulweni esincinci kodwa wasuka wakhupha into ebundukwana wandinika esithi mandiyixhome pha phezulu kwaye le nto akafuni isetyenziswe ngomnye umtu tu izophathwa ndim ndodwa.

Impendulo: Intonga ethanda ukuxhonywa phezulu ngumnqayi wekhaya nothi usetyenziswe kumasiko ekhaya nangulowo ungumtyunjwa ekubeni abe yintlabi yekhaya. Elo xhego ke likunika kanye elo xanduva lobuntlabi. Camagu!

Iphupha: Camagu tat’ uNcibane. Xa uthonga umama ongubhishophu owawukhonza kuye (St Johns) ehleli nomnye umama ethunga ngomatshini ilaphu elimhlophe aphantse ukuzihlaba ngenaliti kamatshini ndathi ke mna kuye uzazihlaba ngale naliti wathi yena awuzova mali ukuba xa bekutheni andazi. Ngoku ndingumkhwetha nomvumakufa.

Impendulo: Lo ngumba obuthathaka nofuna ukuba wena ubonisane ngawo kunye nalo mntu ukunyangayo ngoku. Khumbula ukuthunga kukudibanisa into nokwakha iqhina.

Oku kusenokuba nomthelela ombi kule ndlela uyikhethileyo yobugqirha. Camagu!