Inkosikazi ijongene nezityholo zobuqhophololo beRAF

Ikhululwe ngebheyile yeR10 000 inkosikazi engugqirha ejongene nezityholo zobuqhophololo. Le nkosikazi, egama elinguZonke Mrenqwa-Mazwi (42), ityholwa ngokufaka amaxwebhu ancedisa amabango abantu ababe gaxeleke ezingozini kwingxowa yemali yeRoad Accident Fund, neyafunyanwa yenze amabango angaphaya kweR18 yezigidi.

Lo gqirha, nosebenzela kwingqingqi yaseMbizana, uvele kwinkundla yamatyala eMthatha.

Ngokwengxelo ephuma kwiSithethi seNPA kula ngingqi, uLuxolo Tyali, uphando olwenziwa ngabakwaRAF lwaveza ukuba uMrenqwa-Mazwi wathi nguye owanyanga amaxhoba ayesezingozini kodwa ingenguye.

Ingxelo ithi le nkosikazi zilithoba iimoto eyenza ngazo ibango kwaRAF, isithi ezi ngozi zenzeka eMbizana, eFlagstaff nasePort Shepston ngonyaka ka2008. Enye yezo ngozi yayibandakanya imoto eluhlobo lwebhasi encinci.

Kubungqina obuvezwe enkundleni, ugqirha wanikeza ngolwazi olunganyanisekanga emagqwetheni, ngelithi nguye owokuqala ugqirha owanikeza ngonyango lokuqala kumaxhoba awayenzakele.

Uphando lakwaRAF lwaveza ukuba akuzange kube njalo, lo gqirha zange kubekho nto imdibanisa nala maxhoba, nto leyo yenza ukuba uRAF ayinikezele kumapolisa le nyewe.

UGqirha ungaphandle ngebheyile, uza kubuyela enkundleni ngomhla wama28 kwinyanga ezayo ukulungiselela ityala.