Unyana obulele unina ngehamile utshayiswe yimoto!

Usapho lakwaTshem KwaNobuhle eTinarha luza kulandelelanisa iibhokisi lingcwaba kuza emva kokuba unyana onguSiya Tshem, 27, ethe wabetha ngehamile kanobom unina wakhe entloko wabhubha, emva koko uSiya naye watshayiswa yimoto wabhubha ngobusuku obunye bangoMvulo kule veki, besandula ukungcwaba intombi kamama obuleweyo.

Ingxelo ithi esi sibini, uNozipho Tshem, 72, kwakunye nonyana wakhe uSiya bahlala kwiphondo laseNtshona Koloni eKapa, bebebuyele kuba uNozipho ebezokungcwaba intombi yakhe engasekhoyo.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, umama ebengqengqe kwigumbi lentombi yakhe ebezokuyingcwaba kwisitalato iMondile KwaNobuhle ngezithuba zentsimbi yesibini ekuzeni kusa, nalapho kufike unyana wakhe wamgqebha ngehamile entloko wabhubha, emva kwaloo ngxwabangxwaba ingaziwayo ibiphakathi kwabo.

Amalungu osapho lakwaTshem ngethuba evula ityala lokubulala esikhululweni samapolisa KwaNobuhle, kungene indoda izokuzibika ukuba itshayise umntu kwisitalato iMatanzima ngecala ibethile intsimbi yesine ekuseni.

UNaidu uthi amapolisa xa efika kwindawo yexhwayelo afumanise ukuba nguSiya lo ugiliswe yimoto wabhubha nongunyana kaNozipho, obebaleka kowabo kuba ebulele umama wakhe ngehamile.

Amapolisa avule idokethi lophando ngesi sehlo.