‘Sizicinezela ngokwethu iilwimi zethu’

Ulwimi lwesijekulo (abantetho yezandla) ibe ngomnye womba oshukuxwe kakhulu zizithethi ngoMvulo nangoLwesibini kule veki ngethuba isebe lezeMidlalo, iNkcubeko, nobuGcisa, abePanSLAB kwakunye neSebe lezeMfundo ePhondweni bebambe inkqubo yokukhumbula uSuku lweHlabathi lweeLwimi zeNkobe eMonti.

UMphathiswa weNkcubeko kuzwelonke, uNathi Mthethwa, uthi uyayazi kudala bekhala abentetho yesijekulo ekubeni bafakwe ngokusemthethweni kuluhlu lweelwimi zeli loMzantsi Afrika. Uthi baninzi abantu bolu lwimi, kungoko kunyanzelekile ukuba luqwalaselwe kwaye longeze kwiilwimi zeli ezilishumi elinanye.

“Sisebenzisana namanye amasebe afana nelezoLuleko kwanorhulumente ekubeni ulwimi lwesijekulo lufakwe ngokusemthethweni kwezinye iilwimi, kwaye sikwazibophelela sisithi makungabikho namnye umsitho wombuso ongenaye umntu wesijekulo otolikayo. Ukuba siyaqhubekeka sisenza imisitho singababandakanyi, oku kwakuthetha ukuba sibakhuphela ngaphandle kweli lizwe. Bangapha kwezigidi ezihlanu abantu abantetho yesijekulo abaphosakalayo lulwazi ngenxa yokungabandakanywa kwabo,” utshilo uMthethwa.

UMphathiswa ukwakhuthaze uluntu ekubeni umntu ngamnye aluxabise ulwimi lwakhe, uthi oko makuqale emva ekhaya ebantwaneni. Uthi wena mzali unoxanduva lokuba umntwana athethe ulwimi lwakhe lwenkobe xa esekhaya, umncedise kuba xa ungaboni nto igwenxa xa ethetha olwemboleko ulwimi uyamlahlekisa.

“Ikwasithi abazicinezelayo ngolwimi lwethu. Sithi abazenza izithunzela kwangokwethu. Ulwimi lwenkobe mayibe lulo oluhamba phambili ezikolweni. Iinjongo zethu kukukhulisa kwanokuphuhlisa ulwimi kwenzele umntwana akhule nayo angalujongeli phantsi ulwimi lwakhe axabise elomnye,” uvale ngelo uMthethwa.

OnguSihlalo weBhodi yePanSALB kuzwelonke, uEdward Mudau, uthi ngale nkqubo kukukhumbuza ngolwimi lweenkobe eluntwini kwaye injongo ikwakukufuna nokuba abantwana bakwazi ukufumana imfundo kwanolwazi ngolwimi lwabo, nto leyo eya kuthi ibenze bakhawuleze ukuqonda. Uthi uPanSALB uza kuqinisekisa ukuba iiyunivesithi noko zinaye umyinge othile wokusetyenziswa kweelwimi zenkobe. Uthi zinzame zokuba bangaziboni sele belahlekelwe ziilwimi zethu.

Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni liyazidla kuba sele liqalisile ukukhupha iimviwo ngolwimi lwenkobe kwaye oku kuthe kwenza umohluko omkhulu kwiziphumo zikaGrade 12. UMphathiswa wezeMfundo ephondweni uFundile Gade uthi iziphumo, ingakumbi ezeziBalo nezeNzululwazi zenze ummangaliso okokuqala kweli phondo. Iziphumo zika2021 zikaGrade12 ziku73% ziphucuke ngo4,9% zisuka kwi68.1% koka2020.