Intombi yaseMzantsi iqhuba ishishini eChina

UBathabile Masilela ebonisa ngezinye zeempahla azithengisayo IMIFANEKISO: ITHUNYELWE

“Akukho lula mpela ukuhlala apha eChina. Ukufika kwam kwidolophu yaseDongguan ndadibana nocalucalulo olungumangaliso. Nenkcubeko yabantu yandothusa! Kutyiwa iintlobo ngeentlobo zezilo ezifana nezinja neenyoka, kwaye nabantu abanazimilo zintle kwaphela kule ndawo ndafikela kuyo,” – oku kutshiwo nguBathabile Masilela (27) oyinzalelwane yasePitoli ohlala eChina ngoku.

Emva kokuphangela njenge-Intern kwisebe lezothutho kuzwelonke nakwinkampani eyaziwa njengeFoundation of Professional Development ePitoli, uBathabile, onesidanga seBCom (kwiYunivesithi yasePitoli) wagqiba kwelokuba yena ufuna ukuyokuphangela phesheya kolwandle.

Wachwetha izihlobo nabantu baseMzantsi Afrika abahlala phesheya kolwandle, bamcebisa ukuba makakrobe ikhasi lomnatha elinguDave’s ESL Cafe – www.eslcafe.com – apho abemmi beli bangakhangela imisebenzi phesheya kolwandle. Kulapho wazibhaqela khona isithuba sokuyokuhlohla isiNgesi eChina pha koka-2014.

Apho wafika wafundisa isiNgesi kubantwana abancinci kunye noosomashishini baseChina abanqwenela ukwazi isiNgesi. Indawo awafikela kuyo, iDongguan, wafumanisa ukuba uninzi lwabantu pha babengasazi tu isiNgesi. “Ingathi yilali la ndawo! Ndandingayithandi tu. Uninzi lwaluthetha isiMandarin! Ndafownela ekhaya zisuka ndathi ‘ndifuna ukubuya!’ Ndandiyonyanya la ndawo” – wongeze watsho. Utata wakhe wamcebisa ngelithi makafudukele kwenye idolophu ephucukileyo eChina.

Wafudukela eGuangzhou, kuMzantsi weChina, koka-2015. Apho wafika wafundisa isiNgesi neDrama. Emva konyaka efundisa pha wagqiba kwelokuba ufuna ukuzisebenzela. Kulapho waqala khona ishishini lakhe kumnatha wonxibelelwano elingu “Bathabile Boutique” kuFacebook.

“Andingomthungi weempahla mna kodwa ndiyayithanda ifashoni; ndiye ndikhangele abayili beempahla apha eChina nakwamanye amazwe afana nooBrazil, ndibonise abantu imifanekiso kumnatha, abantu bafake ii-odolo zabo, babhatale, ndibathumelele iimpahla eMzantsi Afrika,” uthethe watsho ngeshishini lakhe.

KweyeDwarha 2016, kulapho ladubula khona ishishini lakhe nalapho wafumana oosaziwayo abafana nooNonhle Thema, Kedebone Mkhabela nabanye. Ebapha iimpahla ukuze babonise ngazo. Ekugqibeleni nabo aboosaziwayo baphela bengabathengi bakhe. Namadoda athi gqi esithi nawo afuna iimpahla zaphesheya.

“Enye into eyandincedayo ngamaxabiso am afikelelekayo kwaye neempahla ezi ndizithengisayo zikumgangatho ophezulu,” uthethe njalo ngokukhula kweli shishini.

UBathabile uceba ukuhlala eChina kwaye ukhetha ukushishina kumnatha wonxibelelwano kunokubuyela eMzantsi avule ivenkile, “xa uvula ivenkile kufuneka ubhatale irenti, ubhatale irhafu yeshishini, kubekho iimpahla ezingahambiyo, nezinye iingxaki. Kanti xa usebenza kumnatha usebenza ngee-odolo kuphela. Upose iimpahla zabantu. Ndikwanabo nabasebenzi eMzantsi Afrika nalapha eChina, ndiqesha abantu baseChina abandincedisa ngokukhangela nokuthengisa ezi mpahla.”

Ibakhona irhafu encinci ayibhatalayo qho xa ethumela iimpahla ezisuka eChina ukuya eMzantsi Afrika.

“Kweli cala laseChina ifashoni inkqenkqeza phambili ngoko ke mna ndiyakwazi ukufumana izinto ezintsha msinya. AmaChina ngabantu abaphala phambili kwimicimbi yezobuchwepheshe, ifashoni nophuhliso ngokubanzi. Ezi zinto ziyandinceda ukuba ndikwazi ukogqitha abanye oosomashishini abathengisa iimpahla kumnatha.”

Ecebisa abanye oosomashishini abasakhasayo uthe, “umntu kufuneka afunde ukonga imali kwaye azi ukuba amaqonga afana nomnatha wonxibelelwano ayakwazi ukusetyenziselwa ukushishina. Ukuba unento okwazi ukuyenza nonqwenela ukuyithengisa, ungaqala ukuyithengisa kooFacebook nooInstagram. Akho nto inqanda umntu kwezi ntsuku.”

Uvale ngelithi ubomi bumnandi eChina, “kuMzantsi China izinto ziyafikeleleka. Ibhasi ixabisa iponti (R2) kuphela. Nendawo yokuhlala ixabisa ngaphantsi kunaseMzantsi Afrika. Kwaye nomrholo kwezi zikolo yimali ebambekayo; umntu uyakwazi ukonga aqale ishishini lakhe.”

IChina lilizwe elinabemmi abayi-1.4 bhiliyoni kwaye uMzantsi Afrika unobudlelwane obuhle nayo, nto ethetha ukuba kubalula ukufumana iVisa yokutyelela nokuphangela kweliya ngokutsho kukaBathabile.

Iimpahla zeBathabile Boutique ungazibuka, ufake nee-odolo, ku: www.facebook.com/BathabileBoutique