INtyatyambo intsha kraca!

N

NgoLwesibini kule veki, iNkulubaphathiswa yePhondo uOscar Mabuyane kwakunye noMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade, bavule isikolo esakhiwe ngemali ebalelwa kwi82 yezigidi zeerandi iNtyatyambo Primary, ekwilali iCross Road eNgqushwa. Esi sikolo siphantsi kwesithili seAmathole West.

Olu nikezelo sisiqinisekiso sikarhulumente wePhondo sokuba wonke umfundi uhlohlwa ngendlela enesidima kwaye kwindawo ekhuselekileyo.

“Siwenza lo msitho kwinyanga kaTshazimpuzi ebaluleke kakhulu kwimbali yelizwe lethu loMzantsi Afrika. Kungayo le nyanga elathi lakhululeka ngayo ilizwe lethu kumakhamandela engcinezelo neyantlukwano, saba norhulumente wentando yesininzi okhokelwe yiAfrican National Congress,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi esi sisikolo sikanokutsho sinazo zonke izinto ezidingekayo kwanamagumbi ale mihla adingekayo ezikolweni nasebantwaneni.

“Silapha sizokubonakalisa esakuthethayo singurhulumente, okokuba siza kuthi gqolo ukuphuhlisa abantu bakuthi ukulwa intswelo, ukuhlupheka nokungalingani ngokuthi sise abantwana esikolweni. Kaloku siyayazi ukuba yimfundo ekwazi ukukhulula abantwana namakhaya abo kumakhamandela entlupheko. Kunqabile ke ukubona isikolo esikumgangatho onje ezilalini,” utshilo uMabuyane.

Inqununu yesi sikolo, uMkwelo, uthi zange bayicinga ukuba ingangabo aba banesi sikolo sinje nesakuthi senze imbali.

“Esi sikolo siza kutsala abantwana, siza kukhuthaza abantwana babe nomdla nangakumbi ezifundweni zabo. Kuza konyuka nenani labantwana kwaye kuphucuke nezemfundo,” utshilo uMkwelo.

UMabuyane uvale ngelithi “icekwa lilele kuni ke ngoku bootitshala nabafundi balapha eNtyatyambo Primary School ukuba nenze okuhle kwizifundo zenu. Sininqwenelela impumelelo.”