Ubone uxinzelelo emadodeni, wenza ingoma

AMADODA aya eba ndlongondlongo ngenxa yoxinzelelo lwengqondo kwaye oku akude kuqondwe okanye kubonwe luluntu, oku kwenze imvumi yeHip-Hop, uLazy Dwayne, akhuphe ingoma entsha ebizwa Pressure.

Uthi le ngoma kulithutyana isentliziyweni yakhe, kodwa kuthe kusakuvakala iindaba zokubhubha kukaRicky Rick waqonda ukuba akasayi kuwuvala umlomo ngale ngxaki.

ULazy Dwayne nguLubabalo Mangele onkaba ikwilali yaKwaNdlambe eNgqushwa. ULazy Dwayne, 36, udibene nomculo ngethuba egaleleka ePort Alfred ngo1993.

Le mvumi ithi amadoda ayabhokoda, ekhwaza ngelifuna uncedo.

“Abantu bahlala becela uncedo sikhona, kodwa asiziqapheli iimpawu. Ngenxa yezi ngcamango entlokweni yam, isisombululo siye sandifikela, ndakhetha ukwenza le ngoma,” kutsho uLazy Dwayne.

ULazy Dwayne uthi ukhe naye azibhaqe ephantsi koxinzelelo ekhaya ngamanye amaxesha.

“Andiqondi ukhona umntu oye azibhaqe engekho phantsi koxinzelelo, nam ndikulo sithetha nje,” utshilo.

Uthi ungowokuqala ekhaya, kodwa okona kunzima kukubona abantakwabo bephumelela, besebenza nzima behoye imicimbi yekhaya, bekwanakekela abazali. Uthi ngethuba esakhula wayenamaphupha okuhoya ikhaya kodwa ngoku akunjalo.

“Ndandinamaphupha okubanguYesu Kristu wosapho lwam, ndibakhuphe ebugxwayibeni kodwa ngoku akunjalo. Kubuhlungu, ndiye ndizive ngathi ndisisahluleki,” kutsho uLazy Dwayne.

ULazy Dwayne waduma ngeengoma ezifana noMajita mo, Izikhalazo zentliziyo nengoma ethi Mahle amantombi nathi yamvulela amathuba okusebenza noKing Kesi.

Le mvumi iqale ukubanomdla emculweni ngelixa umalume wayo efunda eBhayi ngo1997.

“Kula nyaka wayeye abuye namakhasethi omculo weRap. Wayeye andishiyele abe mbalwa, kulapho ndamazi khona uTupac Shakur nengoma yakhe ethi Life Goes On.

“Okona kuhlekisayo ndandingeva kwasiNgesi eso, endandikwazi kukuba le ngoma iyandihlupha kwaye ibuhlungu,” ubalise watsho uLazy Dwayne.

Le ngoma iyafumaneka kuYouTube nakweminye imingxili yeintanethi.