Inxeba elingatsitywa ntwala!

Ngaphezu kokungawuthandi lo mboniso Inxeba, kuba
ke asibantu bathanda yonke into, okubalulekileyo kukubhentsiswa
ngokuchubekileyo kokungafaneleki kwawo. Ewe ulwaluko lunemingeni yalo, ngako ludinga
inguqu. Kodwa oku sikubonayo asinguqu ingasincedayo.

Nazi ke iindawana zobungcali endicinga ukuba,
njengababhali neengcali zolwimi nezenkcubeko, singancedisa  ngazo
kumaqonga namaqumrhu esikuwo ukuhewula lo mhlola:

1. Umbhali ngebali ngalinye unenjongo nemfundiso ahlose
yona. Njongo ni na ke ahlose ukuyifezekisa umbhali ngeli bali? 2. Sele
libhaliwe ke, lilo elo lixhonywe entungo ukuba libonwe nguwonkewonke. Ingaba
liyayifeza na ke le ndima ebehlose yona umbhali? Likwenza  njani oko?
Ngawuphi umlinganiswa? 3. Ulwaluko asikokudlangwa, koko yinkqubo yokwenziwa
kwendoda. Inkwenkwe ebhomeni ifundiswa ukuphathwa komzi nezinto zawo
kubandakanya umfazi nabantwana, ukuhlalisana nabamelwana noluntu ngokubanzi,
amabali esizwe kwanokuba size njani na eso sizwe ezweni, ukuconjululwa kwezinto
zalo naluphi na uhlobo ezimsonto unyikinyiki kwintlalo yoluntu, amabali
eentsomantsomane neendlela ezasonjululwa ngazo, njalo njalo ke. Njengoko ke
kusithiwa lo mboniso ngowolwaluko, ndawo zini na ke apha kuwo ezichaza ulwaluko
endichaza lona mna mntu wolwaluko? 4. Ukusingatha umkhuhlane wenkwenkwe
ebhomeni, izinto ezinokuyenza ukuba ivukelwe zithintelwa kangangoko. Kukangako
kukho nemithetho engezigqwathi, zonke ke iintlobo zezigqwathi. Kwezinye iindawo
ukudla kusiwa ngamantombazana esuthwini, ingadali kuvukelwa kwabakhwetha loo
nto. Uyixoka ngabuni na ke le ndawana yokuvukelwa komkhwetha umbhali lo apha
kulo mboniso wakhe? 5. Lonke ibali lisekelwa kwinto ekhoyo ngokwenyani,
nasezintsomini kunjalo. Uyalinonga ke ngoko umbhali ibali lakhe, alifakele
namaphiko ukuntingela kule ndawo afunzele kuyo ngelo bali. Usingisephi na ke
yena lo umbhali ngobu bakhe ubuxoki ebalini apha? 6. Umbhali xa abhalayo
uphenjelelwa ngumxhino wokufuna ukwabelana noluntu ngamava akhe. Ngaphezu
kwaloo mxhino ke wangeza imfundiso engaba kukuphucula okanye ukwenza inguqu
negalelo kumxholo waleyo nto abhala ngayo. Uliphucula ndawoni na ke yena
umbhali eli siko lokwaluka enza umboniso ngalo? Ingaba uyaliphucula ngenene na
okanye uyaliphuca ngeziqendu zakhe ezinobuqholo bengcuka? 7. Sikwilixa
lokwamkela zonke iindlela zokuphila abazikhethele zona abantu, kubandakanya
nobutabane. Njengoko senditshilo ke ukuba umbhali ubhala ngento anamava ayo,
nto leyo esikhokelela kuluvo lokuba lo mboniso ubhalwe sisitabane (enokuba
akasiso na). Ingaba ngamava aso ngenene na ke la siboniswa wona kulo mboniso
okanye bubuxoku nje bengqikelelo yakhe yokwenzeka kwizitabane esuthwini?
Ngamafutshane, ingaba oku yinto eyenzeka kuye njengesitabane kwelakhe ibhuma na
ke le asibonisa yona lo mbhali okanye bubuxoki nje obujoliswe ekutshabhiseni
eli siko lokwalusa?

Ukuba ke ezi ngongomana zinjengoko ndizibeka,
ndithathela kwimimiselo nemigqaliselo yokubhalwa koluncwadi lwethu sithi
babhali balo, makube umbhali unxaxhile! Ukuba umbhali uziva engabophelelekile
kwimigqaliselo yokubhalwa koluncwadi lwethu, makohlukane ke nolu lwethu
 abhale ngolwakhe ngokwemigqaliselo yokubhalwa kolwakhe. Asinakubhalelwa
mntu wumbi izinto zethu, ingakumbi engazibhali ngendlela yazo, enyhasha
amalungelo ethu ngokwenjenjalo, ze lowo mntu alindele inkxaso yethu. Le ke
yinto emele kubhentsiswa ixhonywe exhantini okweyentombi kaMpininga.

Ookhwelecingweni ke akungoku babakhona. Bakhona ke
nangoku abethu abasidla izithende kulo mba. Mabaguqulwe ke kulowo mkhuba mbi
wokumela ukubhukuqa isizwe, kungenjalo basengelwe phantsi. Ukumemelela
ukukwaywa kwalo mboniso sithi bantu kuxokwa ngabo kokona kodala ulwamvila
kudlulise nomyalezo wokuba sixokiwe! Ndiyazi ke ukuba umthetho onqandayo
nguwona ukhuthazayo kuba uyarhalisa, kunjalo kanye ke ukutshabalala komntu
ebulawa ngumthetho ngokunyoluka kwakhe.

Zidwesha! Ndincazelana nani ngezi ngongomana
zingephi nje ke ndenzela ukuba nibophe awenu amabutho kwiinkalo namaqonga
enikuwo, nilwisane nesi sihelegu somboniso. Sele ndizenze ukhuko lwabatshakazi ke
ukuba ndihambe ndizandlalisa ngamatshantliziyo ahlukeneyo, nje ukuba oko
kuza kukhokelela kuloyiso.

Nazo ke zitshaba iinduku phambi kwenu, amakroti
makabophele asing’ edabini. Amagwala ke wona makabambelele koonomtidili boonina,
acenge ukubuyiselwa ezizalweni, akuxesha lawo ngoku. Ndivony’ umnqayi nje ke
andiwujolise mntwini koko ndithi wenzakala ukhab’ uviko nje. Goba msenge
iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.