Listeriosis: Indawo yepoloni noonkqiyoyo iyabonakala kwabo bathengisa amagwinya endleleni

EKAPA: IFUTHE leListeriosis liyabonakala kwabo bathengisa ukutya endleleni nanjengoko bengasayithengisi ipoloni nerashiyeni ebezithengwa kakhulu emva kokuvela kwesi sifo.

Oku kuvele ngelixa uMphathiswa wezeMpilo eNtshona Koloni, uNomafrench Mbombo, ebetyelele irenki yaseWynberg eyokulumkisa abahlali malunga nesi sifo sigqugqisa eMzantsi.

IListeriosis sisifo esifumaneka xa umntu etye ukutya okunetsholongwane eyiListeria. Ilisteria ifumaneka emhlabeni nasemanzini.

Kweli tyeli ivele kumzi owenza ukutya okulungele ukutyiwa iEnterprise Foods ePolokwane eLimpopo kweziveki ziphelileyo. 


Iivenkile ezininzi sele zikususile ukutya okufana nepoloni, rashiyeni nokunye okunale ntsholongwane sele ibulele abantu abangama-180 elizweni. Zingama 115 izigulane zayo eNtshona Koloni.

UYolanda Maliwa wasePhilippi othengisa amagwinya erenkini eWynberg uthe: “Oko kwavela esi sifo ndayeka ukuthengisa ipoloni nerashiyeni. Lo nto iyandichana kakhulu ngoba ibizezona bezithengwa kakhulu. Imali endiyenzayo ayisafani nakuqala ngoku. Le bhega nesi sibindi senkukhu ndisifaka emagwinyeni azithandwa kakhulu.”

Uthe kuyacaca ukuba akasazifumani iiR6 zerashiyeni neeR2 zepoloni ngoku. UMaliwa uthe baza kuhlala phantsi bengabathengisi baserenkini bakhuthazane ukuba bayeke ukuthengisa iipoloni.


“Baninzi abathengisi abangekayazi le nto yesi sifo. Kubalulekile ukuba sibeke abantu abaza kuhamba bejonga kuzo zonke iirenki ukuba zisathengiswa na. Bubomi babantu obu. Ewe siyayifuna yona imali kodwa ubomi buza kuqala,” utshilo.

UMawonga Tyalibhunga ongunoteksi uthe ufunde lukhulu ngotyelelo lukamphathiswa. “Nditsho ndayazi ukuba esi sifo sisuka emhlabeni kwaye intsholongwane yaso ithanda ukuzifihla efrijini.”

Uthe nangona bengayityi kakhulu ipoloni bona bengonoteksi uza kulumkisa abantu ukuba bayiyeke. “Bendingabuqondi ubuzaza bale meko kodwa ngoku ndiyoyika. Ndiza kuxelela abamelwane ukuba mabalahle kwanto enepoloni nerashiyeni. Ndiza kubacebisa nokuba mabayithengephi inyama. Abantu bakuthi abanalwazi, ngoko ke kubalulekile ukuba ungalugcini kuwe ulwazi olungaka,” utshilo.

Ingcaphephe yezokutya kwaAtlantic Meat uMeanie Briton uthe okwabo ukutya akunayo le ntsholongwane ngoba bakufumana kwimizi-mveliso yokutya ephungululwe ngabazimeleyo.

Akafunanga ukuyichaza le mizi kuba esithi woyika ukophula isivumelwano phakathi komthengi nomthengisi.


“Ukutya okunento yokwenza nenyama kuyachaneka ngoku. Abantu bachaneka kakhulu kuba iyathandwa inyama okanye kwanto engathi yiyo. Into ebalulekileyo ngoku kukuba sijonge ucoceko. Abasebenzi balapha ndabaqeqesha ukuvela kwesi sifo. Bayakwazi amabakwenze,” utshilo.

UMbombo ukhuthaze abantu ukuba bajonge ezi mpawu zelisteriosis eziquka: umkhuhlane, ukuqaqamba kwezihlunu, ukubanesiyezi okanye ukuhambisa, ukudinwa nokungacaceli ukutya.

 

“Kufuneka nizigade ngoku. Sele kukho abantu abangama 115 abanayo. Esi sifo sinokuvela naphi na, yiyo lo nto kufuneka nihlale nicocekile nakwindawo enihlala kuzo,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za