Inzima impilo kwinkosikazi yaseKapa

UNomzamo Bona

Ubomi bunzima kuNomzamo Pretty Bona oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala, nongumhlali waseLuzuko kwisitalato saseMpunzi eNtshona Koloni.
UBona uvakalise ukuba ebephila ubomi bakhe njengawo wonke umntu engenangxaki, kodwa ingxaki iqale ngonyaka ka2006, nalapho waqala waphathwa yintliziyo.
“Ngethuba ndiqalwa kukukhathazwa yintliziyo zange ndiyazi ukuba kumhla kuzokutshintsha ubomi bam kuba kwangelo xesha ndafumanisa ukuba ndineswekile kunye nehigh blood pressure.”
Uthi emva koko waqala ngokumane edumba umzimba  ubebuhlungu nekwakhokelela ukuba angakwazi ukwenza izinto ezininzi kuba esindwa ngumzimba.
 
UBona uthi ngonyaka ka2014 izinto zaye zambi nangakumbi nanjengoko wayephuma engena esibhedlele.
“Ndaye ndenziwa uqhaqho nalapho ndandifunxwa amanzi la agcwele umzimba,” utsho uBona.
Ekwavakalisa ukuba akasakwazi ukwenza izinto ezininzi ezifana nokuhamba aphume phandle kunye nokwenza imisebenzi yendlu.
“Xa ndiphakama ebhedini ndincediswa ngumyeni wam kwaye kuthatha ixesha ukuba ndiphakame kuba ndiyamsinda.”
Watsho esithi kubanzima naxa efuna ukuya ekliniki kuba iimoto azimkhwelisi, nto leyo eyabangela ukuba ancedwe yinqwelo yezigulana kuphela ukuya khona kwaye nakuzo kuba nzima kuba akoneli kwezinye.
“Ezinye iinqwelo zezigulana ndiyazijikisa kuba zisuke zibencinane, ubomi bunzima nje kum”.
Watsho esithi umnqweno wakhe kukuba afumane uncedo lokukhanywa la manzi angunobagela wokuba umzimba wakhe ubelolu hlobo – ubemkhulu ngendlela engaqhelekanga.
“Sikhona isibhedlele esiseGeorge ekuthiwa siyabanceda abantu abanengxaki efana nale yam, kodwa ke ngenxa yokuba ndiyazisokolela kwaye andikwazi kufikelela khona, bendingavuya kakhulu xa ndinokufumana uncedo ndiye nokuba kusiso,” utsho.
Lo kaBona unabantwana ababini,  omnye kubo wavalelwa entolongweni, ngoku uhlala nomyeni wakhe – naye onengxaki yempilo.
“Kubuhlungu ukukhula ubomi bakho buhamba kakuhle ze butshintshe bumini – kuba ndandizibambela amatorho kodwa ngoku andikwazi, ndicela nindincede zihlobo ndisengxakini,” utsho uBona.
USikhosana Bona noneminyaka engamashumi amahlanu anesine (54) ubudala,  nongumyeni kaNomzamo,  uthe impilo inzima kubo nanjengoko naye engaziphilelanga.
“Ndinengxaki yamathambo athi xa sele endihlasele ndixakwe kukuphakama ebhedini ndincede inkosikazi yam.”
Watsho esithi angavuya kakhulu xa inokufumana uncedo inkosikazi yakhe, ikhanywe amanzi emzimbeni kuba lo nto ingathetha ukuba umsebenzi wokuyiphakamisa yonke imihla ungaphela kwaye nomsebenzi wasendlini awenzayo ungehla.
“Naxa esiya ngasese unkosikazi kuyanyanzeleka ancedwe ndim, ubomi bethu nje bunzima kwaye siyathandaza ukuba silufumane uncedo sizokuphuma kule ntlungu ingakumbi inkosikazi yam,” utsho uSikhosana.
Kuvakala ukuba naye unesifo samathambo kwaye wahlaselwa naluxinzelelo lwengqondo.