Isala kutyelwa sibona ngolophu

Ndakuzisa emhlabeni ngenjongo, Ndakwamkela ngezandla ezishushu, Ndakukhulisa ngenyameko nothando, Ndikuqulathise imfundiso, Ndikufukamile ndakombesa ngemfudumalo useyimveku, Ndakunika izibele nobubele, Ithemba lam ndalibeka kuwe, Ukuba uyakundiphakamisa mhla kuphel’amandla.

Ndikukhulise ngokholo noxolo, Ndakunika intsikelelo zonke, Ndakwambesa ngeziyalo kwabaluyolo, Ndikuthwalise isithsaba sobomi, Ndakunik’ikhakha lokuzikhusela kumarhamnc’obomi, Ndakuxhobisa ngazo zonke izixhobo, Ndakunik’ikrele lokuhlab’uSathana , Ndakufumbathisa ubulumko nenyameko, Ndakubhasela ngesipho esingenakwaxuthwa nangubani esiyimfundo, Umthandazo ibisisonka sakho semihla ngemihla.

Yayiluxanduva lwam uba ndikukhulise, Iluxanduva lwam uba ndikondle, Iluxanduva lwam ukukunika uphahla, Ikwalu xanduva lwam uba ndikufundise, Kodwa nawe ubunoxanduva lokundenza ndizingce ngawe , Wena undithwalise idyokhwe yobukhoboka bomphefumlo, Bendithi uyakuzeka mzekweni, Kanti ndizibethekisa ngenyhek’etyeni, Ndiyile ndlovu isindwayo ngumboko wayo.

Akukho nkang’idubul’ingethi! Nam ndifikelel’esigqibeni, Kungoku ndikunik’uphumaphele, Kunamhla nam ndixel’uPilato wasebhayibhileni, Udele iziyalo wandeya, Kungoku uphil’ubomi beziyatha, Kuba amazwi wam wawafukutha , Izilumko amazwi ziyawanambitha, Awuthobelanga umthetho wam, Uwatyeshele amazwi wam, Undiqhayisela ngemfundo owayiphiwa ndim, Imbarha zentselo ziviwa ngawe, Intlonipho ayisekho untlokothisiwe, Imbeko uyenza umbeko, Ithemba lam kuwe litshabalele, Imibono yam ifadalele, Kum ufana nofileyo.

Ndizamile ukulalisa ukhokho, Ndikusikela indlebe yenja, Uyakuhamb’uyitya xa usiya kwaNtshabalala, Ndidada kwichibi lokuncama, Intliziyo yam’ingema nangasiph’isihlandlo, Uyityumzile wayityoboza ngobutywabatywaba bakho , Uyonile wayonakalisa wazenz’uYona, Ingqondo unayo, yingqiqo efileyo , Andishwabuli ntonje ndikhulul’ishwangusha, Oxhel’eyakhe akabuzwa, Xa zingatsali ngaxhatha linye ziyakhululw’edyokhweni, Iqhawukile mbeleko, “Isala kutyelwa sibona ngolophu”.