Isebe lezemfundo lilihlazo

IHLAZO, ukungakhathali, ububhutyu-bhutyu nobutitisholo bolawulo.

La ngamazwi angachaza ngcono isebe lezemfundo eMpuma Koloni. Eli sebe lilo kuphela elifumene ingxelo yezimali embi kweli phondo ngethuba umphicothi-zimali kazwelonke uKimi Makwetu etyelele ephondweni ukuza kuthi thaca ingxelo yenkcitho-mali ka2015-16.

Onke amasebe aseMpuma Koloni aqhube kakuhle, ngaphandle nje kwesebe lezemfundo. Oku kwenzeka nangona nje ubuninzi bemali yephondo isabelwa eli sebe lezemfundo.

Ngonyaka-mali ka2015-16, isebe lezemfundo ephondweni belabelwe imali engange-R29.4 yeebhiliyoni zeerandi (R29.4 billion) kuhlahlo lwabiwo-mali lephondo lemali engange-R65.4 yeebhiliyoni zeerandi (R65.4 billion).

Ngokwalamanani, oku kuthetha ukuba isebe lezemfundo ephondweni lifumene imali ebalelwa kumyinge ongaphaya kwamashumi amane anesine ekhulwini (44.9%).

Ngethuba uMakwetu esandlala le ngxelo kwiPalamente yephondo eBhisho, uMphathiswa wezemfundo ephondweni uMandla Makupula ebengekho isitulo sakhe kwindlu yowiso-mthetho sibetha umoya.

UMakwetu uthi onke amasebe namaqumrhu karhulumente eMpuma Koloni ayiphucule indlela achitha ngayo imali yabarhafi. “Inkxalabo yethu ikwisebe lezemfundo. Umba wolawulo kweli sebe ufuna ingqwalasela emandla,” uphawule njalo uMakwetu.

UMakwetu uthi ukungaqashwa ngokusisigxina kwentloko yesebe lezemfundo kweli phondo kungunobangela wokungabikho kwesikhokelo kwanolawulo oluluqilima.