Isitulo sokuhlala yindlela yokuhamba kuNonzwakazi

UNonzwakazi Belani ongenasitulo sokuhamba usebenzisa isitulo sokuhlala xa efuna ukuhamba

Imeko embi yezindlu zasePhola Park eDimbaza, ibenza bubi nangaphezulu ubomi benkosikazi ekhubazekileyo yala ngingqi UNonzwakazi Belani (53).

Le nkosikazi iphila ngokuhamba ngesitulo ngenxa yokukhubazeka awakufumana ngonyaka ka-1988 emva kokuhlatywa.

Izindlu zasePhola Park zincinci, ziyanetha, ziqiniswe ngamatye eluphahleni, zizele zintanda, kwaye lo mama uhlala kule ndlu nabantwana bakhe abasibhozo ekwa nonyana okhubazekileyo kubo.

“Siphekela apha, silala apha senza yonke into kule ndawo inye, okona kunzima kakhulu kum kukuba andikwazi kuhamba ndincedwa sesi situlo, xa singekho ndihamba ndibambelela ngedonga,” utsho uBelani.

Abahlali basePhola Park eDimbaza kwiveki ephelileyo baqhube uqhankqalazo olujoliswe kwiofisi zakwamasipala waseBuffalo City benyanzelisa ukwakhelwa izindlu.

Le nkosikazi yondla usapho layo ngemali yenkam-nkam nanje ngoko kungekho bani uphangelayo kweli khaya.

“Andizange ndilifune ndawo uncedo ngaphambili oko ndahamba ngesisitulo kodwa ngoku ndiyalufuna uncedo lesitulo okanye iintonga ezisemthethweni,” ucacise watsho uBelani.

Lo mama uthi ukwakhelwa indlu efanelekileyo kunganceda ukuphungula inzima zokukhubazeka kwakhe kweminyaka elishumi elinesibhozo. Izindlu zasePhola Park zakhiwa ngonyaka ka-1996 kusetyenziswa izinto zokwakha ezingekho mgangathweni. “Ndalimala emva kokuhlatywa ngemela ngotsotsi ndiphangela ekuseni andizange ndiphinde ndikwazi ukuhamba,” uthethe watsho uBelani.

Unyana welikhaya uSithembiso Belani wazalwa ekhubazekile, lonto yenza ukuba kubenzima kuye ukuziphangelela enceda ikhaya lakhe.

Le ndlu yolu sapho inempawu zokuba iyanetha yonke mhla ngemvula ngenxa yendlela eyakhiwa ngayo. Abahlali bathi amagosa karhulumente ahlukileyo atyelele le ndawo izihlandlo ezahlukileyo ethembisa abantu basePhola Park ngezindlu ebezinokwenza ubomi balo mama bubengcono.

Othethe egameni labahlali uAubrey Ntuli uthi abanakuze baliyeke idabi lokulwela ubomi obungcono babantu basePhola Park.

“UBaleka Mbethe ebelapha ngo 2014 eze kanye kule ngxaki yezindlu, wasithembisa ukuba uzakubuya, uZuma yena wajika eMonti engafikanga apha simlindele,kudala sithenjiswa ngezindlu,” uthethe oko uNtuli.

Uhambisa athi iibhokhwe neenkomo zikaJacob Zuma zihlala kwindawo eziphucukileyo kunabantu abakhubazekileyo abafana nomama uBelani. Uceba wala ndawo uVuyo Tokwe uthi uyazana nengxaki yezindlu zasePhola Park.

“Ingxaki yezindlu zasePhola Park isezandleni zeofisi kasodolophu waseBCM, akukho nto ndinokuyithetha ngokwam,” utshilo uTokwe.