I’solezwe liwela umlambo ugcwele – Huntshu kwintatheli yethu ezuze iwonga!

Intatheli yeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa uPedro Mapelo owongwe ngabeBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika (PanSALB).

Intatheli yephephandaba I’solezwe lesiXhosa uPedro Mapelo uphumelele kumawonga eBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika (PanSALB) abebanjelwe eThekwini izolo ngoLwesine.

UMapelo uphumelele iwonga kwicandelo lokubikwa kweendaba.

Le ntatheli ithi yonwabe kakhulu leli wonga liyakumenza aqine nangakumbi ekubhaleni ngesiXhosa, kwaye eli wonga lakuthi likhuthaze abantu abatsha basijonge isiXhosa ngelinye iliso.

“Ndonwabe kakhulu emva kokuwongwa nguPanSALB. Kunzima ukuba ngumbhali xa usebenzisa isiXhosa kweli lizwe ngoba abantu bacinga ukuba ulwimi lunye ebomini babo. Okundichulumancisa kakhulu kukubona uRhulumente ezama ukuqinisa iilwimi zabantu abamnyama ngokuzisebenzisa ezikolweni.”

Uqhube wathi: “Ndinethemba lokuba iimbasa ezifana nale ziza kukhuthaza abantu abatsha basibone isiXhosa njengento anokuphila ngayo umntu. Ndiyabulela kuPanSALB nakubo bonke abantu abasixhasileyo sileli phephandaba I’solezwe lesiXhosa endleleni,” uvale ngelo uMapelo.

UMapelo yenye yeentatheli zokuqala zeli phephandaba lesiXhosa ekusekweni kwalo ngo2015. Ungumbhali omkhulu ingakumbi kwezemidlalo.

Okuncumisayo kukuba eli phephandaba sele lime kumanani angaphezu kwe236 000 ngokwabalandeli kwikhasi likaFacebook, nto leyo ebonakalisa inkxaso eliyinikwa ngabafundi nabalandeli balo.