Ivulelekile indlela kaDlamini-Zuma

NANGONA unyulo lweenkokeli kumbutho we-ANC kulindeke kwiminyaka emibini ezayo, iziphumo zeenkokeli zengingqi ukuya kwezamaphondo zenza izandi ngakoyena uzakuphumelela kwinkomfa yalombutho elindeleke ngoDisemba ka2017. Inkomfa nganye ebanjwa ngulombutho ibonakala iphakathi kweenkampu ezimbini, inkampu nganye inoluhlu lwabagqatswa ebafunayo, kwaye neziphumo zibonakalisa indlela efanayo yokuvota.

Lento iqale ukubonakala kwinkomfa ekwaphumelela kuyo uJacob Zuma ePolokwane ngonyaka ka2007. Sele iqalisile intetha ngonyulo lika2017. igama likaCyril Ramaphosa ongusekela mongameli kulindeleke ukuba aqubisane noNkosazana Dlamini-Zuma. Sele kuvele iqela elibizwa ngokuba yiPremier League neliquka iinkulumbuso ezintathu zamaphondo. Ezinkulumbuso ngu-Ace Magashule waseFree State, uSupra Mahumapelo waseMntla-Ntshona kwakunye nenkulumbuso yaseMpumalanga uDavid Mabuza.

Kunoluvo lokuba ezinkokeli zixhasa uDlamini-Zuma ukuba abe ngumongameli wombutho kwinkomfa ka2017, kwaye zigaya inkxaso kwamanye amaphondo. Impumelelo kaSihle Zikalala njengosihlalo we-ANC KwaZulu Natal eMgungundlovu kwimpelaveki esiphuma kuyo kuthathwa njengenyathelo elizakunika inkxaso emandla kwiPremier League nolawulo likaDlamini-Zuma ngo 2017. UZikalala wohlule uSenzo Mchunu obengusihlalo wombutho kwelaphondo.

Lenkomfa ibanjwe emva kwezihlandlo eziliqela irhoxiswa. Eyona nto ikhula noluhlobo lokonyulwa kweenkokeli ngulombutho ngamasebe angaxoliyo ziziphumo. Inkokeli iphumelela sele inoxanduva lokumanya umbutho, ngelixa abohlulakeleyo besala bekhangela indlela eya phambili. Impumelelo kaZuma ePolokwane ngo 2007 yakhokelela kuqhekeko lombutho nokusekwa kweCope. Emva koko uphumelele eMangaung, imanyano yabasebenzi iNumsa yaziqhekeza embuthweni we-ANC ngelithi alizukuyixhasa kunyulo lwanyakenye.

Into exhalabisayo kukuba ummbutho ujike wangokhuphiswano ngezikhundla ngaphezu kwemfuno zoluntu nolawulo. Unyulo ngalunye usukela kwelamasebe lishiya iingxwelerha eziphikisana neqela eliphumeleleyo. Umbuzo osematheni ngowokuba ingaba umbutho we ANC ungaphinda ukwazi ukuziguzula kwelinyathelo?