Ivuyisana noosompempe bayo iSAFA

UDaniel Bennett ngusompempe woMzantsi Afrika.

Oosompempe belizwe loMzantsi Afrika kuvuyisenwe nabo ngumbutho olawula ibhola, iSAFA, emva kokuchongwa kwabo njengabanye [babo] bazakuthi balawule imidlalo kwi-2017 African Cup of Nations. Le tumente kulindeleke iqale phakathi kwinyanga yokuqala kunyaka ozayo.

UDaniel Bennett noZakhele Siwela bazakuntingela kwilizwe laseGabon kunyaka ozayo, lo nto imvuyise kakhulu u-Anastasia Tsichlas.

La madoda ngamanye phakathi kwamaninzi enza umsebenzi omhle kwi-Absa Premier Soccer League.

“Sililizwe elizingcayo kwicala lokuvelisa oosompempe abakumgangatho wehlabathi – ukuchonga kwaba sompempe babini kuqinisekisa kanye lo nto. Inkqubo yethu yophuhliso (Vision 2022) ayisoze igqibelele ngaphandle kokuvelisa abantu abafana noBennett noSiwela. Nangona apha ekhaya begxekwa osompempe bethu – kodwa ukusetyenziswa kwabo yiCAF neFIFA kuthetha ukuthi senza kakuhle,” utshilo uTsichlas kwikhasi lomnatha leSAFA.

UMzantsi Afrika uyakuxoliswa bubukho bala madoda mabini njengoku iBafana Bafana izakuphoswa yile tumente.