Kukho iindaba ezimnandi kubaqhubi beemoto njengoko ixabiso lepetroli liza kuhla. Ukusukela ngoLwesithathu wale veki, zombini ezi ndidi zepetroli zizokwehla nge-62 kunye ne-76 yeesenti ilitha.
UMphathiswa weMithombo yeziMbiwa naMandla, uMnu. Gwede Mantashe, ubhengeze uhlengahlengiso lwamaxabiso epetroli ngokweemeko zasekhaya nezamazwe ngamazwe ukususela ngomhla wesithathu kweyoMqungu walo nyaka.
Isebe leMithombo yeziMbiwa lithe ukuhla kwamaxabiso epetroli kusisiphumo sokuhla kwamaxabiso e-oli ekrwada yakwaBrent kumazwe ngamazwe.
Nalu utshintsho olulindelekileyo kumaxabiso amafutha:
Ipetroli (93 ULP & LRP) iya kuhla nge-62c ilitha.
Ipetroli (95 ULP & LRP) iya kuhla nge-76c ilitha.
Idizili izakuhla nge-R1,18 ukuya kwi-R1,26 ilitha.
Iparafini (kwihoseyile) iya kuhla nge-93c ilitha.
Ixabiso lokuthengisa kwilizwe liphela (SMNRP) leparafini liza kuhla nge-R1,24 ilitha.
Ixabiso lerhasi yeLPG liya kunyuka nge-11c ilitha.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari