Ijinja iyalinywa, ayithengwa mfama

Kumaxesha anzima afana nala, amafama kufuneka bafunde ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye ukuze amelane neemeko. Ijinja sesinye sezityalo ezinexabiso elihle kakhulu emalikeni xa ithengiswa, kodwa ambalwa amafama amnyama ayityalayo ijinja.

Ijinja isebenza ekutyeni kwaye ikwalilo nechiza lokunyanga umkhuhlane nezinye izifo. Ibikho kuluhlu lwezinto ebezixutywa kusiliwa iKhorona.

Inezithako ezinamandla kakhulu ukulwa iingxaki ezininzi emzimbeni ingakumbi ingqele. Nantsi ke mfama indlela efanelekileyo yokutyala ijinja kumhlaba wakho.

Xa ikulungele ukutyalwa ijinja iphuma iintloko ezibonisa ukuba ifuna ukutyalwa okanye ikulungele ukuba ingatyalwa. Ivelisa iintlokwana eziluhlazana ezibonisa ukuba ingatyalwa ngumfama, xa ityalwe injalo iyakhawuleza ukuphuma.

Lungisa umhlaba

Umhlaba wakho kufuneka ibengumhlaba olinyiweyo ukuze amanzi akwazi ukungena ngokufanelekileyo, oko kuthi umhlaba olungisiweyo.

Wuphethule wakugqiba wophule amagada kumhlaba wakho mfama, oko ukwenzela ukungena kwelanga, umoya kwakunye namanzi. Kaloku ijinja iwuthanda kakhulu umhlaba ongabambenanga, ovulekileyo ukuze ikwazi ukukhula xa kufike ixesha lokuba yenze oko.

Indawo yokutyala

Indawo otyale kuyo kufuneka ukuba ifunyanwe lilanga elingekho lininzi, ijinja ithanda ilanga elingelininzi. Ikholwa kakhulu kukuncanca imitha yelanga lakusasa, kaloku ayimelani nelanga eligqithisileyo.

Inkcenkceshwa njani

Ijinja ithanda umhlaba ohlala ufumile, kodwa ayidibani nokutyalwa kumhlaba omumatha amanzi amaxesha onke. Ikuthanda kakhulu ukufuma okuhamba nelanga elingagqithisanga ubushushu.

Ihlala ikhula ibe sisityalo esomeleleyo, kwaye loo nto iyenza ikwazi ukumelana neemeko ezinzima xa sele ikhule ngokupheleleyo. Zigqume izithole zakho maxa onke, oku ukwenza kuba uzama ukugcina ukufuma komhlaba nobushushu. Kaloku xa kufumile kuhlala kushushu ukuze zikhule izityalo.

Indlela yokutyala

Isithole sakho osityalayo kufuneka ukuba sibeneempawu zokuba kufike ixesha lokutyalwa kwaso. Qinisekisa ukuba igaqa olityalayo linayo intloko eluhlaza ebonisa ukuba ikulungele ukuphuma xa ithe yafakwa phantsi komhlaba.

Xa uyifaka phantsi komhlaba kumele ukuba ubude bokutshona kwayo kube zi-intshi ezimbini ukuya kwezine emhlabeni. Elaliso okanye intloko eluhlaza ebonisa ukuba ijinja ilungele ukutyalwa, kumele ukuba uyijongise phezulu ukuze izikhangelele indlela eyaphezulu. Vula i-intshi ezisibhozo ukuya kwezilishumi elinambini phakathi kwezityalo.

Izichumiso

Iyawuthanda umgquba ijinja, incanca ngamandla izithako ezityebisa umzimba wayo kumgquba okanye umhlaba oxutywe nomgquba. Ungazifaka izichumiso ezihambelana nezityalo zejinja, oko kuyakunika isivuno esihle xa kufike ixesha lokuvuna.

Ixesha lokuvuna ijinja

Ijinja ivunwa xa sele ikwiinyanga ezisibhozo ukuya kwezilishumi emhlabeni. Iimpawu zokuqala zokuba ijinja yakho ilungile kukuba amagqabi wayo ajika abemthubi ngombala.