Ziyi-200 iintsana ezizelwe ngosuku lwenyibidyala eMpuma Koloni!

Ibe yinkwenkwe umntwana ozelwe kuqala ngosuku lwenyibidyala, nogaleleke kwimizuzu elishumi ibethile intsimbi yeshumi elinesibini (12:10am) kwisibhedlele saseMount Ayliff, kubantwana abayi-200 abathe bazalwa kwiMpuma Koloni ngolu suku.

Ukanti lehlile inani leentsana ezizelweyo ngolu suku kulo nyaka xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo, apho kwakuzelwe abantwana abayi-239.

I-104 ibe ngabantwana abangamantombazana, ze i-96 yangamkhwenkwe.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo, uNomakhosazana Meth, utyelele iintsana ezizelwe ngolu suku lokuqala enyakeni, kwisibhedlele iDora Nginza, eGqeberha, esindeka zizipho.

UMeth uzichaze iintsana njengezipho ezivela kuThixo.

“Sisikelelekile ukuba neentsana ezininzi kangaka. Sivuyisana noomama, oogqirha, ababelekisi, oonesi, kunye nabanye abasebenzi bezempilo ngokubelekisa ngokukhuselekileyo ezi zipho zihle kangaka nezivela kuThixo,” utshilo uMeth.

“Kodwa sixhalabile kukuba amantombazana amancinane esaqhubeka nokukhulelwa, nokuzala minyaka le. Sicela wonke ubani adlale indima yakhe ekulweni ukumitha okungacwangciswanga kwamantombazana amancinane.

“Nakuba umntwana engesiso isiqalekiso, koko eyintsikelelo, siyaqhuba nokuthetha nabantu sisithi masizame ukufundisa abantwana abancinane ukuba balinde de babe bakulungele ukufumana ezi izipho, ukuze bafumane uvuyo ekumele kube lulo,” utshilo uMeth.

Koomama abayi-49, ngamantombazana aphakathi kweminyaka eyi-14 ukuya ku-19, ukanti abayi-151 ngabasetyhini abaphakathi kweminyaka eyi-20 nangaphezulu.

Iintsana ezizelweyo eMpuma Koloni ngokooMasipala:

• Alfred Nzo: 32

• Amathole: 20

• BCM: 22

• Chris Hani: 22

• Joe Gqabi: 17

• Nelson Mandela Bay: 30

• OR Tambo: 43

• Sarah Baartman: 14