Ixhego libanjwe nemikhono yekati engenampepha

Amapolisa akuGatyana abambe ixhego elinamashumi asixhenxe anesithandathu (76) kubusuku bangeCawe emveni kokuba lifunyenwe linemipu emithathu engenazimpepha mvume.

Iingxelo zamapolisa zithi, lo tamkhulu ubanjwe ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku kwilali yaseMhlahlane kuGatyana.

Isithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthi, amapolisa aye ahletyelwa ngomrhanelwa ukuba unemipu kuye ekurhaneleka ukuba ayinazimpepha.

UManatha uthi, emva kokugqogqa kwamapolisa kwikhaya lomrhanelwa, abhaqe le mipu mithathu kwakunye neembumbulu ezingamashumi amabini anesixhenxe.

Umrhanelwa akakhange aziveze iimpepha xa bekusithwa makazikhuphe. Ujongene netyala lokuba nemipu engenampepha.