Iza kuthatha indoda ukulungisa enye indoda

Asikuko nokuba intsha into yokuxhatshazwa kwabantu basetyhini, kudala isenzeka kwangamaxesha eTestamente

Endala phaya kwiziBhalo eziNgcwele, kodwa ngoku kufike ixesha lokuba isizwe sime ngenyawo sikhusele amanina aso ngokwaso.

Ngumcimbi okhwankqisayo nokrazula intliziyo owokuthi rhoqo ufunda iindaba soze lingabikho inqaku eliphathelene nalo mba.

Amanina kwiveki ephelileyo ebevuke umnyele ebhekise kwiindawo zomthetho kwizixeko ngezixeko evakalisa ukwanela kwawo kukuxhatshazwa ngolu hlobo ngabantu abangamadoda.

Uninzi lweziqendu zokuxhatshazwa kwabantu basetyhini lwenziwa ngabantu ababathembileyo nababathandayo, kwaye mna ndinayo into ethi maninzi amanina athe cwaka exhatshazwa kuba esoyika ezinto ezithile.

Mandikhe ndime kancinci ngalo mba ndikukrobisa ngento eyenzeka kwisixeko saseBhayi apha eMpuma Koloni.

Kwesa sixeko kukho intlanganisela yamaKrestu eneencoko ekuthiwa xa zibizwa ‘Whites talking to whites’ neliphulo labo ukuzama ukunciphisa ubuhlanga kubantu abamhlophe.

Ingcinga ngokuqalwa kwezi ncoko yeyokuba ukuze abantu abamhlophe bayeke ukuba nobuhlanga iza kuthatha omnye umntu omhlophe ukumlungisa, ithi lo nto ngabelungu abazama ukunceda abanye abelungu ukuba bayeke ukubanobuhlanga. Yimbono entle kakhulu le kwaye ineziphumo ezincomekayo kakhulu.

Masibuye ke siyoyamanise le nto nale meko sincokola ngayo yokuxhatshazwa kwabantu basetyhini ngamadoda.

Eyam imbono ithi nokuba amanina angaqhankqalaza athini na iza kuthatha indoda ukulungisa enye indoda. Ndive kakuhle ke, andithi amatiletile enziwa ngabasetyhini ukukhalimela ukuhlukunyezwa kwawo awasebenzi, kodwa ndithi noko lixesha ngoku ukuba amadoda akhe aphakame alungisane odwa nokuba kusesidlangalaleni okanye ekhusini.

Ililishwa into yokuba amakhaya amaninzi awanawo umntu ongutata onokuthi abelifuthe elihle ekufundiseni abantwana abangamakhwenkwe besebancinane ukuphatha kakuhle umntu wasetyhini.

Kodwa ke kuloo makhaya anawo umzali ongutata bekumele ukuba loo tata uba ngumzekelo wale mpatho ngokuthi ahloniphe, aphilisane kakuhle nonkosikazi wakhe.

Mna ndikhule kwikhaya elingenatata kodwa ndancedakala ngokuba enkonzweni babekhona ootata abandifaka phantsi kwekhwapha labo, bandibonisa indlela yobudoda.

Iinkonzo ezininzi bekumele ukuba zingumjelo omhle wokuvelisa amadoda achubekileyo nakhusela iintsapho zawo, kodwa uyakuze ufike ikwayile genge ikhonzayo ebalaseleyo ekubetheni nasekuxhaphazeni amanina asebomini babo. Sisigulo esibi esi.

Ndiyawamema amadoda okuhlala ukuba akhalime xa ebona ukuba omnye wabo ulawula ngenduku endlwini yakhe.

Ndlela le obu bundlobongela buqatsele ngayo ayisekho nala ngcingane yokuba mayingangenwa into yabantu ababini, mayingenwe kungeka phumi isidumbu kuloo mzi.

Befundisi fundisani amarhamente enu indlela yokuthanda neyokuphilisana nabantu basetyhini, ilelo ibandla malibenalo iqonga lamadoda okuba akhe axhobisane alungisane ngeendawo ezithile.

Indoda ngoku mayilungise enye indoda, ukhe umnqande nogxa wakho othuka umntu ongusisi ngenxa yokuba engamvumanga. Amanina oyisiwe bubundlobongela bethu madoda, masilungisaneni ngokwethu.

Akekho omnye umntu oza kulungisa isizwe sakwandoda ingeyiyo indoda. Phakama ndoda nawe uthi, “Unotshe, soze ngegama lam!”