Izakuqinisa uqhankqalazo imanyano yabasebenzi basePosini

IMANYANO yabasebenzi basePosini iCWU igrogrise urhulumente ngelithi izakuliqinisa uqhankqalazo ukuba urhulumente urhuqa inyawo kwisicelo soncedomali.

Oku kulandela umngcelele obubanjwe ngabasebenzi basePolisini ngolwesine obusingise kwikomkhulu le-ANC iLuthuli House. Aba basebenzi bafuna urhulumente okhokelwe yiANC asabele ikhwelo elihlatywe yiNgqonyela yasePosini uMark Barnes ofuna iR3.5 yeebhiliyoni zeerandi yokuhlangula eli qumrhu kwiingxaki zemali elijongene nazo.

Unobhala jikelele weCWU uAbrey Tshabalala ufunde uxwebhu lezikhalazo elinyanzelisa ukuba iANC inike umyalelo kwisebe lezemali ukuze linike uncedo elidingwa yiPosi ukuze inyusele abasebenzi imivuzo. Uthe olu nyuso mivuzo kufuneka liqale kwiminyaka emibini edlulileyo.

Le manyano ikwanyanzelise ukuba bonke abasebenzi basePosini baqeshwe ngokupheleleyo ukususela ekupheleni kukaMeyi walo nyaka.

Ukwathe urhulumente kwakunye namaqumrhu karhulumente mabasebenzise iposi njengendlela yokuhambisa izinto ezithunyelwa ngala masebe kwiindawo ezahlukeneyo.

Umongameli welinye lamasebe kwiCWU uSontanga Mantlhakga uthe, iPosi mayihlangulwe ngokufanayo namanye amaqumrhu karhulumente afana neleenqwelomoya uSAA, kwakunye nelombane uEskom.

Uqhube wathi, “Le ANC siyibona apha ayisafani nale siyaziyo, siyabuya kwakho ukuba iPosi ayihlangulwa, nabasebenzi abanyuselwa mivuzo.”

UKrish Naidoo weANC owamkele olu xwebhu lezikhalazo uthe, iANC ilithatha ngenkathalo eli xwebhu.

Uthe, lo mbutho uzakubamba intlanganiso nalapho izinyanzeliso zabasebenzi eziqulathwe kolu xwebhu.