Izikolo zase-OR Tambo zixhamla kwinkqubo yeAnglo Gold

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni, ngokubambisene nenkampani yemigodi yakwaAnglo- Gold Ashanti, lithe labamba indibano (career expo) yokucebisa abafundi bezikolo zaseMthatha neendawo ezingqongileyo ngamakhono abanokuwalandela xa bephumelele uGrade 12.

Le ndibano ibizinyaswe ngabafundi bebenga leshumi abasuka kwizikolo ezilishumi elinesithathu zaseMthatha kunye neziphaluka.

Yasungulwa yinkampani yakwa-Anglo-Gold Ashanti njengeenzame zale nkampani zokunikeza inkonzo eluntwini. Injongo yabo kukuxhasa abantu abasokolayo, nokunceda abafundi ukuba baqaqambise isakhono sabo bazimisele nakwizifundo zabo.

Eyonanto iqwalaselwa yile nkqubo yale nkampani kukuphucula iziphumo zezifundo zezibalo (Mathematics) neNzululwazi. Le nkqubo ikunyaka wayo wesibini ngoku.

UGqirha Oupa Nkagisang nongumlawuli wecandelo leengqesho e-Anglo Gold Ashanti uthe, le nkampani ikhethe ukusebenza kule ngingqi, kuba abasebenzi bayo abaninzi basuka kuyo.

“Uninzi labasebenzi bakwa-Anglo-Gold kudidi lezimbiwa basuka kwingingqi yase-OR Tambo,” utshilo uGqirha uNkagisang. “Inkampani iqwalasela ngokukodwa iMathematika neNzululwazi kuba ezi zifundo zezona zibanika ingxaki abafundi,” utshilo.

Ucacisile ukuba iinkqubo abazinikeza ezikolweni ziqala kwibanga lesibhozo, kuba ngolo hlobo bakholelwa ukuba abafundi banethuba lokuphucuka ezifundweni zabo, kwaye baphumelele.

“Le nto izakuncedisa nango- qeqesho, kuba abafundi bazakuqala indlela entsha ebhetele yokufunda kwangethuba. Zininzi iinkqubo eziqhutywa yile nkampani, ezifana nenkqubo yokuphuculwa kwezikolo, nejongana nendlela esilawulwa ngayo isikolo.

“Iziphumo kwiinkqubo ezikumila kunje sele zibonakala, nalapho isikolo ebesifumana umyinge weepesenti ezingamashumi amane ekhulwini, siye saphucuka saya kutsho kumashumi asibhozo anethoba ekhulwini,” wongeze ngokutsho uNkagisang.

Ezi zikolo zilishumi elinesithathu zixhamla kule nkqubo zisuka kwiingingqi ezine zomasipala wesithili saseO.R. Tambo, ziquka ezi: Mthatha, Libode, Lusikisiki kunye noQumbu.

I-Anglo Gold ikhethe ukusebenza nezikolo ezikwiingqingqi ezitsala nzima, kodwa ezibonakalisa isakhono nokunxanelwa impumelelo.

– Pholisa Hashe