Izinto ziman’ukwenzeka

Phambili phaya, amakhwenkwe ayesakusiwa esuthwini kula nyanga inkwenkwezi intle, iSilimela. Kaloku amaXhosa angaphambili, amaXhosa ayemahle echubekile, atyumba le nyanga njengaleyo yokubala iminyaka yobudoda, ekwenza oku esazi ukuba imozulu yale nyanga yeSilimela yeyona ililungele ncakasana isiko lolwaluko.

Kaloku kwangale nyanga yeSilimela, kugquba ingqele eqhaqhazelisa amazinyo zitsho neentsapho zihlale ndawonye, kubekho uzinzo emizini nasentlalweni ngokubanzi.

Nokuxhasana kwamadoda ngabantwana abasesuthwini bekuba lula kule nyanga kuba uninzi lwamadoda lufumaneka lula nanjengoko ehleli ngendlu.

Ingxaki yale nyanga intsha sithe gqolo ukusa ngayo iintsana zethu esuthwini, inyanga yoMnga, yinyanga yeziyunguma, imbubho ngenxa yeengozi kwanemigcobo engenasiphelo.

Ewe, izizathu zokukhethwa kwale nyanga zihambelana nemisebenzi nengqesho, kodwa iingxaki ezambethe isiko lolwaluko ingakumbi kule nyanga, ziya zisanda ngokwanda.

Phakathi kwezo ngxaki kukubhubha kwabakhwetha ngamanani aphezulu, ukuthontelana kwabakhwetha ezibhedlele nakwiikliniki zonyango ngenxa yesiko elingahambanga ngendlela, ngenxa yabazali abangenankathalo, ngenxa yamadoda okuhlala acezela kude emathontweni, nangenxa yabantwana bethu abangekabikho kwixabiso elililo lokukwazi ukumelana nemingeni yasesuthwini, imingeni yobudoda.

Uninzi lwezinto ezingahambi ngendlela esuthwini bezinokunqaba okanye zinciphe kakhulu xa amadoda nabazali bebenenkathalo nenkxaso engagungqiyo xa abantwana bethu besesuthwini.

Ngaphandle kwembubho egquba esuthwini, ngaphandle kwabakhwetha abaphela bebalekela ezibhedlele, ngaphandle kobundlobongela obuye benzeke esuthwini, kukho nesimanga sezimanga esitsha endingenakuze ndisilibale.

Inene izinto ziman`ukwenzeka, kwaye zenzeka sikho singayanga kukha mingqusho, zenzeka zisenziwa ngabantwana bethu abaphelelwe yintlonipho nentobeko kuthi.

Kumzi wasekhaya kweliya laseCumakala, kwisithili sakwaMngxuma kwilali yaseKhubusi elapha ekungeneni kwedolophu eStutterheim, abantwana bethu basibonisile ukuba bethanda bangenza konke okusemandleni ukuze kuviwe ngabo, kutsho kuphele nentsingiselo yesiyalo esikhule ngaso esithi ‘ilizwi lomntu omkhulu alidliwa mpuku.’

Kulo Mgqibelo sisuka kuwo wama-30 kule nyanga yoMnga, iveki iphela kusenziwa amalungiselelo okukhutshwa kwamakhwenkwe esuthwini kule lali yakwaMngxuma, phonoshono kwelo thambeka likaDontsa lisekungeneni kweentaba zaMathole.

Bonke abahlali bebe maxhaphetshu, kusilwa zindywala, kuthengwa ziselo ezihlwahlwazayo, kubhakwa imibhako, kusojiwa oongqotsina, kuphekwa nezonka zamanzi ukuze kubhiyozwe konwatywe ngamxhelo-mnye, kukhutshwa amakhwenkwe ehlathini esiza kuba yinxalenye yesizwe esinendili, isizwe samadoda.

Singamadoda elali sivukile saya kuxhasa kweso sithili singaphesheya komlambo, senjenjalo ukuya esuthwini sivuma kamnandi uSomagwaza, siqula sihlanganisa ukuze kukhuseleke iikoro neembambo kuloo mabhunguza angabhungisiyo.

Sifikile emathontweni namaxhego angabaqabi namaciko adume ngokuyala amakhwenkwe atsho abe ngamadoda emadodeni, abe ngamatsha-ntliziyo angamafa-nankosi nabakhi besizwe ngokungenamikhinkqi.

Likhwazile okunene ixhego uHototo into kaNdzungu lisithi ‘wakhuphe khankatha!” Suka kwathi cwaka! Liphindile ixhego lakhwaza, nakwesi isihlandlo kwathi cwaka!

Uyise kasosuthu uthe makavule isango akrobe, wabuya entshwenyile, ethe matsha, wadanduluka esithi, ‘kukhala ibhungane kweli thonto!’ Ngoko nangoko kuyiwene ngamehlo ngamadoda nezo nkonde bezilapho, kwangenwa eminxebeni.

Ngelingeni liphendule ikhankatha likhefuzela, lisithi ubusuku bonke lihla linyuka likhangela aba bakhwetha bekumele bayaphuma, alazi nokuba baye kutshona ngaphi.

Likwachazile ukuba abakhwetha baliqhumisele ngento ebivuthelwa lalala, lathi livuka apho lafumanisa ukuba lilodwa abakhwetha banyamalele.

Kukhangelwe, kwakhangelwa, kwaze kwathi xa kuphela amandla okukhangela kwesa sithuba sentsimbi yesibini emva kwemini bengekaveli abakhwetha, kwafika isigidimi esisuka kumathonto ezithili ezingaphesheya komlambo, izithili ezifana noMqukwana noLephile, sisithi abakhwetha baye kuzimela kumathonto akwezo zithili.

Kuyiwe, bafunyanwa kwabuzwa isizeka-bani soku kuphukaneka nokugeza okungaka kubantu abaqeqeshwe ngeziyalo ukusuka mhla bengena esuthwini ngamadoda nalikhankatha.

Impendulo iphume ingafihlisi isithi ‘bobawo nani mancentsa, singabakhwetha belali sithathe isigqibo esithi asifuni kuphuma ngabanye ngabanye, koko singabakhwetha bale lali, sifuna ukuphuma ngosuku olunye xa kuphuma abakhwetha bokugqibela.’

Emva kwenzolo emandla, angxolisile athukisa amaxhego namadoda, kwakhala ibhunguza ezimbanjeni, kodwa bema abakhwetha besithi ‘asijiki’.

Kucacile ukuba xa amadoda elali ebephume ngobuninzi kuyiwe kudlalwa iceya nabakhwetha, kugwijwe kuse, amathuba okusaba kwabo ebeya kuncipha.

Kucacile ukuba izinto ziyajika, abantwana bethu bafuna sive ngabo ngoku ngaphezu kokuba beve ngathi.

Yenzekile inkcitho emizini yaqhutywa imigidi amakrwala engekho, laphuma ilizwi elalini lisithi abakhwetha baya kusuka bahlanjwe mhla baphuma ngaloo mini yentando yabo.

Elam lithi isiko lethu liya liphucwa isidima salo umhla nezolo! Elam lithi yenzekile nje lento iseza kubuya yenzeke, nditsho ndisithi endaweni yokuhlazeka, kumele sithethe nabantakwethu abangamaHlubi, amaXhosa akumphesheya Nciba nakubeSuthu, sifunde kubo ukuba ukukhutshwa kwamakhwenkwe elali ngaxesha linye kuququzelelwa kuze kuphunyezwe njani na.

Inene izinto ziman`ukwenzeka!