Kubhiyozelwa uTambo eMbizana

Kubalwa ikhulu leminyaka wazalwa uOliver Reginald Tambo kulo unyaka, yaye abemi beli kwindawo ngeendawo babhiyozela, bebuka imisebenzi emihle eyenziwa leli qhawe kumzabalazo wenkululeko yeli.

Eli tshantliziyo lomzabalazo nelaba ngunobhala jikelele wokuqala wombutho wolutsha weAfrican National Congress ngonyaka ka1943 ekusekweni kwawo, lashiya umzila osaxhamlisa nesi isizukulwana.

Ilali yaseNkantolo ekumhlaba waseMbizana, nelikhaya kokaTambo, yenye yezo ziqhubekekayo ukuxhamla kwiziqhamo zentsebenzo yakhe kude kube namhla, kwaye neziliqela eziyingqongileyo azivaleleki ngaphandle kumaqithi-qithi ale nkululeko.

Nangona nje walandulela eli ngonyaka ka1993 sele ithemba lentando yesininzi likufuphi, kubonakala gca ukuba kula mashumi asixhenxe anesihlanu wawaphilayo, wayehlakulela izizukulwana ukuze zizuze sele engasekho.

Intshiseko yakhe yokufundisa nokuphuhlisa izakhono yenze ukuba abantu baseMbizana bazibone besakhelwa ithala leencwadi nesakhiwo sokusingatha lonke uhlobo lweendibano, besenzelwa nebala lemidlalo.

ISebe lokuHlaliswa koLuntu ukuzothi ga ngoku liqhubekeka ngokuliza amawaka abo bangathathi ntweni ngenkxaso yeendawo zokufihla intloko kule lali yeli gqala nakwezinye ezingaphezulu kweshumi ezingqongileyo.

Likhokhelwe ngumphathiswa uNksk. uHelen Sauls-August, eli sebe lisungule iphulo lokwakha amawaka alishumi elinanye ezindlu phakathi konyaka wama2014 ukuya kowama2019 kuMasipala waseMbizana.

Eli phulo lelinye lamalinge okubhiyozela indima edlalwe nguTambo ekukhululeni abemi beli kwinkqubo zengcinezelo. Kwiimvula ezikhatshwe yimimoya zangoLwesibini weshumi, ngethuba isebe lijikeleza ngenjongo zokuzivela ukuba uluntu lwanelisekile na, abaxhamli abafana noVuyeleni Mantywanti welali yaseSilango ekufuphi neNkantolo, bazive bekhuselekile kwezo mvula kwaye befudumele, batsho badlulisa umbulelo ongazenzisiyo kweli qhawe. OkaMantywanti uthe,

“Ndamazi ngonyaka wokwendela kwam kule lali unyaka ka1989, emana edlula esiya kulo nina kwaNdzabe. Ngelo xesha besidla ngokumkhapha sibaninzi esiya nakomkhulu, kubelapho asichubela ngehambo-nzima yakhe kunye nabanye oogxa bakhe abafana noNelson Rholihlahla Mandela.”

Othethele isebe uLwandile Sicwetsha, uncome isantya elihamba ngaso eli phulo kuMasipala weAlfred Nzo, kwaye wagxininisa ngelithi zonke iintsapho eziselungelweni ingakumbi ezikhokhelwa ziinkonde nabo bakhubazekileyo zakube sezihlala kwizindlu zazo ungadanga uphele lo uzayo unyaka. “Kwilali yeli gqala sekuqosheliswe ngaphezulu kwa-500 ezindlu kwiwaka, kwaye ezo zingekagqitywa kuyabonakala ukuba uzakuthi uphela lo uzayo.”