Kubhubhe abafundi ababini emva kokurhaxwa lulwandle!

Unxunguphalo belubhalwe ebusweni kubafundi baseFreemantle Boys High nabo baseMount Arthur Girls High eLady Frere emva kokubhubha kwabafundi ababini kwezi zikolo zibini kulandela ukurhaxwa lulwandle e-Eastern Beach eMonti ngenjikalanga yangoMgqibelo.


Abafundi bezi zikolo, bebeze kwitumente yezemidlalo kwisikolo iJohn Bisseker High eParkside eMonti.

“Ngenxa yokuba iFreemantle sisikolo samakhwenkwe odwa, ngoku ke xa sisiya kwiitumente zemidlalo siye sihambe nabafundi baseMount Arthur ukuze sihlangabezane nesikolo sezini zonke. Sithe sakugqiba ukudlala, abafundi bathi bacela imizuzu embalwa elwandle,” utshilo utitshala waseFreemantle ebalisela I’solezwe kwindawo yexhwayelo.

Ayikhange ibe yimizuzu engephi bengenile elwandle, kwatshona abafundi ababini – intombi nenkwenkwe. 

“Sifumene umnxeba othi kukho abafundi abarhaxiweyo, nalapho imizimba yabo iye yakhawuleza yatyekezwa lulwandle,” utshilo lo titshala.

Abafundi ababhubhileyo baqikelelwa kwiminyaka elishumi elinesixhenxe bobabini.


 Imizimba yabo ithathwe yinqwelo yezidumbu karhulumente emva kwentsimbi yesithoba kubusuku bangoMgqibelo.


 Amagama wabo, naziwa leli phephandaba, asinakuwadiza okwangoku ngenxa yobucekeceke besehlo.


Isithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala uthi amapolisa aza kuqhuba nophando, noxa nje bengasoli nyawo lwamfene kule nyewe.