UNosimo Balindlela uphindela kwiANC!

Umama uNosimo Balindlela edanisa noMmusi Maimane weDA kumsitho walo mbutho owawubanjelwe eBhayi UMFANEKISO: PHANDO JIKELO
UKUSUKA kwiANC ukuya kwiCOPE, uye kwiDA ze ubuyel’ ekhaya kwiANC. 
Le yindlela ubani angalibhala ngayo ibali likamama uNosimo Balindlela. 

UBalindlela, obesakuba yiNkulumbuso yephondo laseMpuma Koloni, uzibandakanye neANC kwakhona eshiya iDA, ngembalelwano eqinisekiswe yinkokeli yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga. 
Kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo, uBalindlela ebekhuphe imbalelwano phantsi kweDA egxibha urhulumente okhokelwa yiANC, ngelithi usilele ekuqwalaseleni imeko yamathala eencwadi kwindawo yaseGcuwa naseDutywa. 
“IDemocratic Alliance izimisele ukuza notshintsho olugqibeleleyo eMpuma Koloni apho iinkonzo iyakuba yinto ephambili, kudaleke nemisebenzi futhi sikholose ngabantu,” kwatsho uBalindlela kwimbalelwano awayeyikhuphe ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMdumba kulo nyaka, ngethuba ebelilungu lePalamente eBhisho phantsi kweDA ethethela icandelo lalo mbutho lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko. 
Ngoku uBalindlela uvakalise ukuba uyawushiya lo mbutho, kwinto engatolikwa njengokungoneliseki kwakhe ziinkqubo zangaphakathi. 
UBhanga uthi bayasihlonipha isigqibo sikaBalindlela sokuphindela kwiANC. 
“Kodwa sicinga ukuba akekho kwikhondo elihle kuba iANC igutyungelwe bubuqhophololo nolawulo olugwenxa obugulula iibhiliyoni ngeebhiliyoni [ekufanele ukuba ziya] kubantu abahlelelekileyo. 
“Siyayibulela inxaxheba ayidlale kwiinzame zeDA zokwakha urhulumento eMpuma Koloni,” utshilo uBhanga. 
Attachments area