Kubulewe abantwana ababini eKapa!

Umama kaOyingcwele, uSiphosihle Zokufa, ethuthuzelwa ngamalungu osapho Umfanekiso: Phinda Kula

Kapa:

“Akasayi kuze aphinde abulale mntu ugqibelisile ukukhupha umphefumlo ngalo mntwana wethu,” utshilo uMncedisi Mgidlana isithethi sosapho kwikhaya lakwaZokufa.

Oku kulandela isiganeko sokuxhwilwa ze kubulawe inkwenkwana ibiselula ngokweminyaka.

UOyingcwele Zokufa, 2, ulahleke kwikhaya lakhe eNkandla, ePhilippi East, emva kwemini ngeCawa umhla we26 kwinyanga ephelileyo, ze umzimba wakhe wafunyanwa ngoLwesine umhla we30 kwinyanga ephelileyo.

Umzimba wale nkwenkwana ufunyenwe ugqunyelelwe kuvele nje isandla kuphela kumngxunya ongenzulu kuyaphi kwihlathana elikufuphi nendawo yoogobityholo iThabo Mbeki, cebukuhle kuhola wendlela uN2 osingise ngasedolophini eKapa.

Umkhondo uvakele ukuba uthathwe yindoda ethandana nomzala kanina kaOyingcwele. USiphesihle Zokufa, 24, unina wale nkwenkwana, uthi ubenengxabano nendoda kamzala wakhe emva kokuyibuza malunga nokungahloniphi, isenza umonakalo kwikhaya likamzala wakhe.

Emva kwengxabano uthi uqaphele ukuba unyana wakhe akekho phakathi kwabantwana ebedlala nabo, waxelelwa ukuba uthathwe yindoda kamzala wakhe.

Uthi oko kumenze wakhumbula ukuba le ndoda ngethuba benengxabano imgrogrise ngelithi iza kubona ukuba mayenze njani.

“Sicela kuni mapolisa ukuba nimgcine ezandleni zenu umtyholwa ningayenzi impazamo yokumkhulula,” utshilo okaMgidlana.

USekela Mphathiswa wamaPolisa uBongani Mkongi, utyelele indawo apho umzimba kaOyingcwele ufunyenwe khona ngoLwesihlanu umhla we31 kwinyanga ephelileyo, ze emva koko watyelela amalungu osapho.

“Ndonzakele emphefumlweni kukubona umngxunyana afunyenwe kuwo umntwana, ndizibuze umbuzo ukuba umtyholwa usebenzise ntoni ukugrumba lo mngxunya, kuyabonakala ukuba ebenexesha elaneleyo, kule ndawo amngcwabe kuyo kunzima nokuhamba ngenxa yokugcwala kwelindle, kucacile ukuba umtyholwa ebengalikhathalelanga ixhoba,” utshilo uMkongi.

Uthi kuza kwenziwa uhlolo kwisidumbu sale nkwekwana ukuzama ukufumana ukuba ibulewe njani.

“Umtyholwa udlale undize kakhulu namapolisa nekuthathe iintsuku ezintlanu phambi kokuba abanjwe ngamapolisa,” utshilo uMkongi.

Umtyholwa ebeqhagamshelana ngomnxeba nonina womntwana, kodwa kunzima ukuba abaxelele ukuba uphi de kwangenelela amapolisa nalapho ebenguphuncuka bemphethe nobaleke phambi kwawo amapolisa isihlandlo ezibini.

Kungokunje umrhanelwa uselugcinweni lwamapolisa nobanjwe emva kokukhomba indawo apho ebelifihle khona ixhoba nekufikwe umphefumlo sele uyikhalele inyama.

Ukanti kulindeleke avele kungekudala phambi kwenkundla yamatyala.

Kusenjalo, kwesinye isiganeko esikumila kunje luxhelekile usapho lakwaMabvongwe eBloekombos, eKraaifontein, kulandela ukulahleka komntwana wabo oyintombazana nofunyenwe ebhubhile kwindawo yokulahla inkunkuma iSam Jokozela.

UPreviledge Mabvongwe, 9, udizwe njengolahlekileyo ngoMvulo umhla wama27 kwinyanga ephelileyo.

Kudizwa ukuba oku kwenzeke ngethuba ebuya esikolweni egqiba kwehla kwisithuthi esimthatha esikolweni nesingakhange simbeke emnyango kowabo, koko simshiye mgama nekhaya lakhe.

Umzimba wakhe ufunyenwe kusasa ngoLwesine umhla wama31 kwinyanga ephelileyo esanxibe iimpahla zesikolo.

“Ndidandathekile kukushiywa ngumntwana wam ngendlela engaqondakaliyo ngethuba ebuya esikolweni,” utshilo uEmmanuel Mabvongwe, 31, uyise wexhoba. Usapho lakwaMabvongwe luphuma kwilizwe laseZimbabwe.

“Abecuphi bamemelela nabanina onolwazi olungakhokelela ekubanjweni ukuba ahlebele amapolisa,” utshilo uSajini Noloyiso Rwexana wamapolisa eNtshona Koloni.

Akukabanjwa mntu, onolwazi kucelwa atsalele umnxeba uKapteni Loganathan Chetty ku082 522 1039 ongumphandi kweli tyala.