Kufuniswa ngemveku elahlekileyo eMatatiele

Umfanekiso: USikhokele Sitshetshe (2) owalahlekayo

AMAPOLISA ekunye nosapho lakwa Sitshetshe eMatatiele afunisa ngenkwenkwana eyalahleka kwilali yaseLukholweni kwinyanga yoMsintsi.

USikhokele Sitshetshe oneminyaka emibini waduka ngexesha edlala neentanga zakhe kwamakhelwane apho wayegciniswe khona nguninakhulu.

Ingxelo kanina uChwayita Sitshetshe ominyaka engamashumi amabini anesibini ithe: “USikhokele wayegciniswe ngumama wam kwamakhelwane kuba ndandisesikolweni, xa siyomthatha emalanga kwathiwa akaziwa ubonwe sele enyamalele. Sazama ukumfuna kodwa asikamfumani nangoku akukho nomkhondo. Kubuhlungu, asilali sicingana naye, ndiyacela nabani ongasinceda simfumane asazise.”

USitshetshe uthe kuyaqala ukulahleka umntwana kule lali kwaye kunzima nokusola ngokumehleleyo.

Uthe unyanakhe yinkwenkwana ethanda ukuhleka nokudlala, emfutshane entsundu ngebala. Wagqityelwa ukubonwa enxibe isikhinda esitshekhi nejezi eluhlaza natyheli neembadada. Olu sapho luthi lusenethemba lokuba uyaphila apho akhoyo kuba akubonakali nathambo okanye sinxibo esingabonisa ukuba wagetyengwa.

Othethela amapolisa aseLukholweni eMatatiele uKhapteni Raphael Motloung uthe ityala lomntwana olahlekileyo lavulwa laqaliswa uphando kodwa unangoku akukafunyanwa nkcaza ibambekayo ngokuduka kwale nkwenkwana.

Onolwazi angatsalela akwaSitshetshe ku0727879440 okanye amapolisa.