Kugug’ othandayo, atsho amaxhegwazana aseMonti

Ambalwa amaxhegwazana athi akuthatha umhlalaphantsi abe sele ezinika olunye uxanduva.

Kutsha nje sincokole namanina asele esidla umhlala phantsi asukela kumashumi amathathu eminyaka (60) ukuya phezulu aseAmalinda eMonti aphantsi kwendibanisela iVukani Senior Citizens (VSC). Uninzi lwabo lusaziqhubela imoto zalo, lusaziphekela, abanye babo bazihlalela bodwa kwizindlu zabo zexabiso.

Aba makhulu babesakuba ngooMongikazi, ootishalakazi, bekwasebenza kumasebe awohlukeneyo karhulumente ngamalungu aseAmalinda Methodist. Bazigcina bexakekile ngokuthunga, kwaye badibana rhoqo bathunge, beqala ngokuzilolonga bekuleminyaka bakuyo.

UThobeka Maliwa weVSC uthi, oku kuzinzame zokuba bahlale besempilweni kwaye begcinakele kungabilula ukuba bahlaselwe zizifo.

“Eli qela saliqala ngo2011 sibayi 21 kodwa ngoku sele sibayi 15. Saqala ngokuthungela amalungu ecawe yethu, saqhubekeka ngokuthungela amaxhego kwakunye namaxhegwazana ahlala kumakhaya agcina abantu abadala, iimpahla yokulala, amabhayi okombathisa iinyawo nomqolo kwakunye neminqwazi eshushu yasebusika, sizenza kabini rhoqo ngonyaka,” utshilo uMaliwa.

“Siyabasela xa izakuba yiKrisimesi, naxa kuzakuqala ubusika, sibaphathela nezinto ezimnandi, sibonwabise, ngelokubabonisa ukuba ukubekwa kwabo kula makhaya ayikokulahlwa bayathandwa kwaye bakhathalelekile,” utshilo uMaliwa.

I-VSC yazithathela ikhaya elibizwa ngokuba yiDJ Sobey Old Age eseBufallo Flats nabathi balikhethelwa ngoo nontlalontle.

“Apha siyancedana, sikwaphuhlisana izakhono ebesingazazi ukuba sinazo. Siyazihlohla neentsimbi, sikwathengisa izinto esizenzileyo nakwi cawe yethu,” utshilo uMaliwa.

UFlorence Mlomo wekhaya ekudityanwa kulo ngamanina uthi uyikhuphe ngentliziyo yakhe indlu yakhe ukuba ayisebenzise enoogxa bakhe kuphuma kuba akwamkelekanga ukubona elinye inina lisokola.

“Sasikade sitshintshatshintsha iindawo esidibanela kuzo, ndathi kuba ndindodwa singadibanela apha kwam,” utshilo uMlomo.

La manina athi awakhethe bani ngokwebala, bavulelekile nakubani na onomdla. Abakucelayo yinkxaso yezixhobo zokuthunga ukongeza kuleyo bayifumana kumalungu enkonzo.

Bakwanalo nexesha lokuzikhupha babethwe ngumoya betyelele kwamanye amaphondo afana nela KwaZulu Natal, neMpumalanga nakumazwe afana naseSwazini behanjiswa ngumkhaphi wabakhenkethi.