Kukhunjulwa umbhali uWK Tamsanqa

Umbhali weencwadi eziphambili zesiXhosa, owazibalula ngencwadi yakhe ethi ‘Buzani kuBawo’ uWitness Kholisile Tamsanqa, uza kunikwa imbeko nguMasipala waseMnquma neSebe leMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni.

Ingxelo ephuma kurhulumente ithi oku kuhambelana nesikhumbuzo seminyaka elikhulu yokuzalwa kukaNelson Mandela.

UTamsanqa ngomnye woonondaba abaphambili abazibalula ngokubhala kwiphephandaba lesiXhosa Imvo Zabantsundu, neencwadi ezintandathu eziquka iNzala kaMlungisi, Buzani kuBawo,

Ukuba Ndandazile, Imitha yelanga, Ithemba liyaphilisa noTamsanqa igorha lokwenene. Unyana kaTamsanqa, uBathande, uthi bayazidla ngomsebenzi owenziwe leli gorha lombhali.

“Ngomnye wababhali abambalwa besiXhosa abakwazileyo ukubhala incwadi engobomi bakhe, nethe yapapashwa emva kokubhubha kwakhe. Le ithi uTamsanqa igorha lokwenene.”

Uthi umsebenzi kayise uza kufumana ithuba lokuba ufikelele nakubantwana abasakhulayo ukuze bazi banzi ngezimvo zikaTamsanqa.

Incwadi ethi Buzani kuBawo ithathe iminyaka eliqela ihamba yodwa kusasazo lukanomathotholo kwisikhululo sesiXhosa iRadio Xhosa, emva kokuba yaguqulwa yenziwa ibali likanomathotholo.

Umasipala wesithili saseAmathole, iSebe leMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko – limwonge ngembasa ngonyaka ka2008 ngelinika imbeko kumsebenzi wakhe.

“Sinovuyo ngale nxaxheba siyinikwa ngurhulumente, kuba oku kubonisa ukuba ngenene urhulumente uyawulandela umsebenzi weenkokheli zangaphambili,” uthethe watsho uBathande.

Incwadi kaWK Tamsanqa ethi ‘Imitha yelanga’ isetyenziswe ezikolweni ezifundisa isiXhosa ukusuka kwibanga lesixhenxe ukuya kwibanga leshumi ngonyaka ka1998.

Ukunika imbeko kuTamsanqa, kuqhutywe iziganeko eziquka umdyarho weembaleki zomgama ozikhilomitha ezintlanu ukusuka kuhola wendlela uN2 ukuya ekhayeni lakhe iZazulwana.

Isithethi somasipala waseMnquma, uLoyiso Mpalantshane, uthi zibanzi iinkqubo ezihambelana nenkqubo yokukhumbula uTamsanqa.

“Kuza kucocwa ingcwaba lakhe, kubaliswe ngembali yakhe, kuhlalutywe iincwadi zakhe ngabafundi abasuka kwizikolo ezikufutshane,” kutsho uMpalantshane.

Othethela iSebe leMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kweli leMpuma Koloni, uAndile Nduna, uthi abaqali kunika imbeko ababhali bolwimi lwesiXhosa.

“Kulo nyaka uphelileyo phaya eMakanda kuMnyhadala wobuGcisa, sanika uNjingalwazi uPeter Tshobisa Mtuze imbasa ngelihlonipha umsebenzi wakhe wokubhala isiXhosa. Sijonge ukwenza oku phantse minyaka le kuba ngumsebenzi ophakamisa isidima seelwimi zeli phondo,” uthethe watsho uNduna. Ababhali beencwadi, amagosa karhulumente, abafundisintsapho, iinkokheli zopolitiko noluntu ngokubanzi – baza kuthatha inxaxheba ukukhumbula uTamsanqa.