Kuzakwenzeka imbali eMonti ngeCawa

Zwelinzima Vavi

Unobhala jikelele weSouth African Federation of Trade Unions uZwelinzima Vavi, uzakube esenza imbali ngeCawa xa ethetha nabasebenzi abaphantsi kwalo mbutho eMdantsane.

Ingxelo ithi uVavi uzakube eseMonti ephelekwa nguMongameli walo mbutho uMark Tshabalala, benika amalungu wabo ithuba lokuvakalisa izimvo zabo ngomkhondo omawulandelwe ngulo mtshakazi wombutho.

UVavi ekunye noogxa bakhe benze imbali ngethuba beseka lo mbutho emva kokuba bathi bagxothwa kumbutho weCOSATU ngenxa yeyantlukwano kwezopolitiko.

Umququzeleli walo mbutho eMonti, uSiyabonga Mbawu, uthi ngenene wahlukile umbutho wabo kweminye yabasebenzi.

“Ukusungula umbutho sineemibutho yabasebenzi engaphezu kwamashumi amabini, kuthetha ukuba asingobantwana emcimbini wezabasebenzi,” ucacise watsho uMbawu.

Uthi eminye imibutho yabasebenzi ikhokelwe zinkokeli, kodwa bona bangumahluko. “Sikhokelwe ngabasebenzi thina, ayizizo iinkokeli ezikhokeleyo apha kwiSAFTU, yilo nto sihamba simamela abantu,” ucacise watsho uMbawu.

Ingxelo ithi ezi nkokeli zize kucacisa banzi ngendlela ezakuhanjwa ngulo mbutho ukusukela emva kwale ndibano.

“Sizakuveza iimbono zethu singumbutho kubasebenzi ukuze baqonde kakuhle ukuba singumbutho omele ntoni, kukwalindeleke ukuba sicacise ngomahluko esinguwo kweminye imibutho yezabasebenzi,” ucacise watsho uMbawu.

Lo mbutho usungule ubulungu bawo ngemibutho eyaziwayo kweli kwezabasebenzi equka uFood and Allied Workers Union kwakunye neNational Union of Metal Workers Union.

“Ngamakhulu asixhenxe namashumi amane amawaka abasebenzi abaphantsi kwethu, sijonge ukulikhulisa ngokukhawuleza eli nani kuzwelonke sisilwela amalungelo abasebenzi,” utsho uMbawu.

Uthi bakwajonge ukwenza umahluko kwimpilo nendlela abasebenza ngayo abasebenzi boMzantsi Afrika.

Esenza intetho yakhe yokusungulwa kwalo mbutho eBorksburg ngenyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka, uZwelinzima Vavi wancoma imibutho efana neFAWU kunye neNUMSA.

“Ngaphandle kwenkxaso yombutho weNUMSA, lo mbutho ubungasokuze ukwazi ukuphumelela, kubo siyabulela,” wathetha watsho uVavi.

Lo mbutho ukhokelwe ngamagqala kumzabalazo wezabasebenzi abaquka uNomvume Ralarala, Thabo Matose kunye Motswari Letshogo njengoonobhala jikelele.