Limilisele umxholo wenyanga wamanina isebe elijongene nabasetyhini kwi-ofisi kamongameli

Isebe elijongene nemicimbi yamanina kwi ofisi kamongameli weli uJacob Zuma phantsi komphathiswa uSuzan Shabangu limisele umxholo ekuzakuxhentswa kuwo ngamanina kulenyanga ka Agasti. Sele iyiminyaka engamashumi amathandathu athi aqhuba uqhankqalazo amakhosikazi eli aphuma kwintlanga ezahlukileyo echasene nenkqubo yokuphatha amapasi eMzantsi Afrika.Kulo nyaka elisebe limisele umxholo othi “Umanyano lamanina,kusisiwa uMzantsi Afrika phambili”. Ngo Mvulo waleveki elisebe lithethe namajelo endaba lichaza inkqubo ezakulandelwa ukubhiyozela lenyanga yamanina.

 

Elinye lamagqala ayekho ngonyaka ka 1956 xa kwakuqhutywa oluqhankqalazo uSophie De Bruin ukhokele igqiza ebelisinge kwingcwaba lika Helen Joseph nelika Lilian Ngoyi eRawutini. Lenyanga yamiselwa ngokusemthethweni kweli ukuqwalasela ngoku kodwa indima edlalwe ngamakhosikazi kumzabalazo, kwanokunika imbeko kulomanina athi ancama ubomi bawo. Ukutyelela lamangcwaba kuququzelelwe kwiAhmed Kathrada Foundation ngenjongo zokunika imbeko kulamanina