…Lisuka kwiphepha 1

UMasuale uthi ulutsha malusebenzise amathuba avulwe ngurhulumente weANC ukuze lukwazi ukuziphuhlisa ngezakhono.

“Umntu ongafundiyo ngumntu ongafuniyo ukufunda kweli xesha likhoyo kuba amathuba avuliwe ngurhulumente welizwe loMzantsi Afrika.”

Uthi ukuzixhobisa kolutsha ngemfundo kunganceda ukuba ulutsha luxhobe ngezakhono ezi zizo ukuze likwazi ukujongana neengxaki zexesha elizayo.

Ukanti usihlalo weSouth African Youth Council eMpuma Koloni uSicelo Mleve umemelele inkulumbuso norhulumente wephondo ukuba baqalise ukuqhubela phambili isicwangciso sophuhliso lolutsha kweli phondo.

“Sona sele siqhubeka esi sicwangciso kodwa sifuna ukuba side siqhubeke ngokupheleleyo ukuze iguquke imeko yabantu abatsha kweli phondo,” uthethe watsho uMleve.

Lo kaMleve ukwasebenzise eli thuba emema abantu abatsha ukuba bathathe inxaxheba kulonyulo oluzayo kwinyanga yeThupha kulo nyaka.

“Abantu abatsha banemibutho eyahlukileyo abayixhasayo, ngoko ke siyabakhuthaza ukuba bahambe baye kuthatha inxaxheba kulonyulo lomasipala,” uthethe watsho uMleve.

siyabulela.mqikela@inl.co.za