Livele enkundleni ixhegwazana elifunyenwe linompu!

LIVELE phambi kwenkundla yamatyala kuGatyana ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesithandathu ubudala.


Ukuvela kwalo kulandela emva kokuba lithe labanjwa ngamapolisa ala mmandla kuba lithe lafunyanwa linomkhono wekati ongenazo iimpephamvume, nokwafunyenwe uneembumbulu ezisibhozo ngaphakathi kuwo.


Isithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha uthi ixhegwazana eli, labanjwa ngentsimbi yesithoba ebusuku kwikhaya lalo kwilali yakwaGosani kuGatyane ngoLwesine.

 

Kwezinye iindaba, amapolisa aseGcuwa abongoza kubahlali ekubeni bancedisane nawo ekukhangelisweni umrhanelwa othe wadubula wabulala umama onamashumi amahlanu anesihlanu eminyaka ubudala.

Umama udutyulwe ngempelaveki kwikhaya lakhe kwilali yaseTshoveni kuNdabakazi eGcuwa, edutyulwa ngumntu ongaziwayo. 

UManatha uthi unobangela wokudutyulwa komama lo awaziwa usaphandwa. 

Uthi bekungekacaci nokuba udutyulwe eyedwa umama kusini na. 

Amapolisa athi lowo unolwazi angatsalela amapolisa aseGcuwa ku 047 401 1100 okanye ku-10111 kungenjalo eze ngaphambili esikhululweni.