Mndende: Indoda iyasazi isiluma?

INGCALI kwimiba yokholo lwemveli, uGqirha Nokuzola Mndende, uthi amadoda mawohlukane nokuqokelela iiSanitary Pads ajongane noonyana abaxakileyo, watsho ebuza ukuba ingaba ulwazi lwamadoda kulo mba weePads luquka ukwazi nesiluma kusini na.

UMndende ebephendula kwisankxwe sakutshanje apho uluntu kwiqonga likaFacebook luvakalise ukungaxoli sisibhalo sikaMndende awayesibhalele I’solezwe lesiXhosa nyakenye phantsi kwesihloko esithi “Amadoda mawohlukane nokuqokelela iiPads”.

Esi sibhalo sikaMndende besijikeleza kuFacebook kwiveki ephelileyo nto leyo etsale umdla woninzi, bambi bebonakalisa ukumbomba logama abanye bebengqinelana noMndende.

Kwesi sibhalo kukho isitanza esithi: “Kukho lo msinga mtsha ke ngoku wamadoda ama emaqongeni engathi enza into nantso, eqokelela izishubelisi zabantu ababhinqileyo (sanitary pads).”

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki, uMndende uyibeke yacaca eyokuba akatsho ukuba utata makangakhuphi mali ukuze umama namantombazana wakhe bathenge iiPads, koko ulwa nala madoda aqhuba amaphulo okuqokelela iiPads esithi afuna ukunceda amantombazana ahlelelekileyo.

“Okokuqala apha esintwini, sikholelwa ukuba umntu uthetha ngesini anaso. Umzekelo kwantonjane, ngamankazana afundisa amantombazana ngezinto zamabhinqa, hayi ootata. Ikwangootata abafundisa abantwana babo ebakhwetheni malunga nezinto zamadoda,” utshilo uMndende kudliwanondlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

“Umcimbi wokuya exesheni (menstruation) ngumcimbi wamabhinqa hayi ootata. Akekho utata oya kuze aye exesheni. Akekho utata osaziyo isiluma ukuba sinjani. “Anditsho ukuba amadoda akasoze azithenge iiPads. Amadoda mawakhuphe imali ukuze umama ayokuthenga iiPads. Akukho tata onokuzithenga iiPads, athi ‘lena ingcono kunale’. Uyazela phi?” kubuza uMndende.

“Le nto yootata abathenga iiPads gqithi, babe oonyana bethu besifa emabhumeni ithande ukuxaka. Bashiya uxanduva lwabo lobudoda besiya kwezamabhinqa. Naba oonyana bedlwengula, bebulala bekwabetha amabhinqa. Baphi ootata bokwenene ukunqanda le nto? Kutheni amadoda efuna izinto ezinomhlaba ojonge ezantsi (soft option) nje besithi baqokelela iiPads,” utshilo uMndende.

UMndende ukwathethe ngemida yamadoda kumbandela weePads. “Ukuba uyayijonga indlela eyenziwe ngayo iPad, ibonisa nto yimbi. Xa ke ngoku umntwana oyintombazana ebuza kuwe tata ukuba isetyenziswa njani iPad, uza kuthi isetyenziswa njani? “Uza mbonisa ukuba isetyenziswa njani? Nandisa izidlwengu ngale nto yokuba ootata mabaqokelele iiPads. Izinto zamabhinqa maziyekelwe kumabhinqa, azikasixaki.”

“Amadoda mawayeke izinto zamabhinqa kumabhinqa, ajongane noonyana aba basixakileyo. Indoda ema entabeni iqokelele iiPads ayinantloni kakubi!” utshilo uMndende.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za