‘Nali ikrele lokulwa ucalucalulo’

UMONGAMELI weEFF uJulius Malema uthi ulala obentlombe kuba uyayazi ukuba abantsundu beli banalo “ikrele lokulwa” ucalucalulo.

“Namhlanje abasebenzi beli, ingakumbi abantu abatsha abamnyama, aboyiki ukungena etshatshalazeni nabaqeshi babo abamhlophe abanocalucalulo,” utshilo uMalema kule veki, ngethuba iEFF ibibhiyozela iminyaka esibhozo yasekwayo.

Julius Malema UMFANEKISO: Itumeleng English/African News Agency(ANA)

UMalema uthi abanye babantu bangabonakala beyicaphukela iEFF esidlangalaleni, “kodwa bayayazi ukuba likrele labo lokulwa ucalucalulo kwiindawo zabo zokusebenza”.

“Abantu abatsha abamnyama, abasebenzayo, bagrogrisa abaphathi babo abamhlophe ngeEFF xa begagana nocalucalulo. Ngenxa yoku ndilala obehlayo, kuba ndibaxhobisile abantsundu ngekrele abangalisebenzisa xa begagana nocalucalulo. Ezi zezinye zeenzuzo esizifumeneyo njengombutho kule minyaka isibhozo idlulileyo,” kutsho uMalema.

Ezinye zezehlo ezigqamise ngazo iEFF luqhankqalazo kwiivenkile zakwaClicks emva kwentengiso yale venkile eyayibonakalisa ukusengela phantsi iinwele zabantsundu. Olu qhankqalazo lwabangela ukuba abakwaClicks bahlale phantsi neEFF nalapho bazibophelela ngokuzibandakanya kwiinkqubo ezichasene nocalucalulo.

UMalema uthi inyanga yeKhala ibaluleke kakhulu kwimbali yemibutho yamaKomanisi. “Inyanga yeKhala ibalulekile kuba umbutho waKomanisi waseChina wasekwa ngale nyanga yeKhala kwiminyaka elikhulu eyadlulayo.”

“Xa sasidibene eSoweto kwiminyaka esibhozo edlulileyo sabuzana ukuba yintoni esingayenza kuba kwakukuninzi okugwenxa okwenzekayo kwipolitiki yeli. Enye yezinto yayikukubona ukuba inkululeko yepolitiki ayinantsingiselo kubantu beli,” kutsho uMalema.

Ethetha malunga nezidubedube zaKwaZulu Natal naseRhawutini, ezibangele ukonakaliswa nokutyhuthulwa kweempahla zamashishini, uMalema uthi bekungekho lubhukuqo lwambuso kule nyewe.

Le nkokheli ikwagxeke ukusetyenziswa kwamajoni kule nyewe isithi oku yinto eqhele ukwenziwa ngoorhulumente abaxakwe yimiba edla umzi.