Inkosazana ibhacile emva kogrogriso

INKOSAZANA yamaTshawe eGqunqe kuCentane ibhacile emva kokoyikisela ubomi bayo kulandela ukugrogriswa liqela elithile labahlali kule lali mayelana nebango ngobukhosi.

UZukiswa Kona kunyanzeleke ukuba ashiye ikhaya lakhe esoyikisela ubomi bakhe emva kwezigrogriso zokutshiswa kwekhaya lakhe. Imbalelwano ebhalwe ngoLwesibini (27 kweyeKhala), nebonwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa, inika uKona iintsuku ezingamashumi amabini ananye ukuba akhwelele kule lali.

“Siyintlanganiso ngalo mhla ungasentla sithathe isigqibo sokuba uZukiswa Kona makaphume aphele kule lali. Simnika 21 days asikhwelele zingaphelanga ezi ntsuku,” itsho le mbalelwano.

UKona uthi utata wakhe usweleke ngo2006 emva kokuba nguSibonda (Headman) ukusukela ngo1992.

Emva kokushiyeka isikhewu kwesi sikhundla, uKona uthi kwangena uNdoda Mesani njengoSibonda, noxa nje lo kaMesani engengoTshawe. Iinzame zokuqhakamshelana noMesani ziphanzile.

“Ndamxelela uMesani ukuba akusoze kuphathe yena engenguye uTshawe. Emva koko ndathatha amanyathelo ndisiya kurhulumente wephondo. Kwelinye ithuba iKona Royal Family yandixelela ukuba andinakungena mna endaweni katata kuba nditshatile, kwafuneka ndenze ubungqina bokuba anditshatanga ze emva koko kwangena umama.

“Emva kokuba kungene umama kukho iqela elaya eNqadu nalapho kwagqitywa ukuba njengokuba utata engenaye unyana, kuza kuthathwa ubukhosana bunikwe utatomncinci wam. Andizange ndiyeke ukulwa olu xhatshazo ngokwasemphefumlweni kuba ndikholelwa ukuba lilungelo lam ukwenza oko,” utshilo uKona.

Zukiswa Kona UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UKona uthi uzenzile iinzame ebhalela kurhulumente wephondo ngaphandle kwempumelelo. “Le nto indiphatha kabuhlungu kakhulu kuba kwa ikhaya lam alikhange lindincedise. Esi ayisosikhundla sam, sisikhundla samaTshawe esaphehlelelwa nguJongumsobomvu Maqoma. Ndizibona ndixhatshazwa kakhulu ngokufanayo noJongumsobomvu Maqoma.”

Emva kokusweleka kukatatomcinci kaKona ekuqaleni kwalo nyaka, umntu oye wangena esikhundleni nguNtsikelelo Kwebese. I’solezwe lesiXhosa libuze uKwebese malunga nesigqibo sokugxothwa kukaKona eGqunqe, waphendula ngelithi unalo ulwazi malunga noko.

“Izizathu zezi azaziyo naye uZukiswa, sokwehlisana esenyusana nelali. Ukuba uthi akafuni kuhamba, yilali eza kuphinda ibone ukuba yenza ntoni,” kutsho uKwebese.

I’solezwe likwabuze uKwebese, njengenkokheli, ukuba ingaba sisigqibo esiqiqileyo esi sokugxotha uKona, waphendula wathi: “Sisigqibo selali, andinakuyiphendulela mna. Le nto igqitywe ngaba bantu bebeyigqiba.”

Ingaba Mnu. Kwebese uyavumelana nelali xa isithi uKona makamke elalini, kubuze I’solezwe. “Andinakuyiphendula lo nto kuba yilali etshoyo,” kutsho uKwebese.

Isithethi sesebe leNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uMamkeli Ngam, ebengekaphenduli ngethuba sibhala eli nqaku emva kwemini ngoLwesithathu wale veki.