Ndandinkulwa emzini nasekhaya ndingenamthetheleli!

 

ULumka Mbangela waseTsojana eTsomo, kwincwadi yakhe yesiXhosa ethi Owu’ nceda mnt’ongutata akabalisi ngambali awayekhe wayiva entsomini, ubalisa ngokwathi kwenzeka kuye enyameni ekukhuleni kwakhe. Uthi zange abonwabele ubuntwana bakhe kuba wathengiswa lusapho lwakhe esene15 leminyaka kwindoda endala eyayisele imkelwe nangumfazi. Ngoko kwakungo1987, esendiswa ngenkani ngumalume wakhe.

Uthi ngolo suku umalume wakhe wayeyokumthatha ngalo esikolweni esenza uSTD 5, kwakunetha kududuma. Uthi lusuku olungenokusuka engqondweni yakhe, yinto engathi yenzeke izolo.

UMbangela uthi wafika wabekwa akugqiba wemka umalume wakhe, uthi emva koko waqalisa isikhalo esikrakrayo ecinga ukhona oyakusikwa yinimba kodwa zange kube njalo. Eli xhego lamvala umlomo, latsho limgibisela ebhedini limdlwengula nathi oko kwabangela angakwazi nokuchama. Uthi wayeye abaleke azimele, kuyalelwe abafana ekubeni apho bambhaqe khona ze bambethe kanobom, bambuyisele exhegweni lakhe.

“Ngelo xesha ndandingenaye nomthetheleli kuba ndandisithi xa ndizimelela ekhaya ndiqalwe ngumama nomalumekazi bandibethe bathi mandibuyele apho ndivela khóna. Ngelo xesha ndandingumntwana onesifo sokuxhuzula, babengandiyeki sendiwile bandibuyisele,” utshilo uMbangela.

Uthi ngelo xesha kusenzeka le nto abantu balo mzi endele kuwo nabakowabo emva babenganaki, bejonge nje engathethelelwa mntu.

Uthi loo nyaka wonke ka1987 wayenkulwa kuba uthi wayezimela qho. Uthi ukukhanya kwaqala mhla wahlangulwa ngutata othile wale lali ongesiso nesihlobo somzi koko wabona intlungu yokunkulwa komntwana omncinci ongekazi nto. “Wandoxutha ngenkani lo tata endikhupha kulo mzi ukuze ndibe ndiyaphumla. Emva koko naxa ndibuyela ekhaya kwakungekho mntwana ufuna ukudlala nam elalini, ndililolo kuba kaloku ndandibizwa njengomabuy’ ekwendeni. Waba mnye umntu obangakwicala lam nguNomawethu, nobe ngumququzeleli wokusungulwa kwencwadi yam.”

Uthi ubom abuphile ekukhuleni kwakhe akaburhaleleli nawuphi na umntwana, kungoko ngokomnqweno wakhe efuna iincwadi zakhe zisetyenziswe nasezikolweni kulwimi lwesiXhosa.

Uthi kungoko wazixelela esebuthathaka ukuba uyakuze abhale incwadi ngobom bakhe.

Kwakule ncwadi, uMbangela ubalisa nangemingeni awayifumanayo ngethuba ekhulelwe, xa babemxelela oogqirha ukuba soze aphinde umntwana amfumane kuba isibeleko saguquka.

Okunye okufumaneka ngaphakathi kule ncwadi yindibano eyaye yatsala umdla phakathi kukaLumka, umama wakhe, umalume kwakunye nonkosikazi kamalume ngethuba ebaxelela ukuba uza kubhala incwadi ngabakwenzayo kuye.

Obebhala incwadi kaMbangela, nguMadoda Mlokoti.