Ndiphila ngedayisi’, utsho ogrogrisa amagosa karhulumente

Indoda yaseMdantsane ebanjwe ngooKhetshe (Hawks), emva kwezityholo zokugrogrisa amagosa aphezulu eburhulumenteni, ixelele inkundla yaseMonti ukuba icela ukukhululwa ngebheyile ukuze iyokuqhuba nokudlala idayisi kwa-NU 1 ukuze yondle abantwana bayo ababini.

USithembele April (40) ebevele ityeli lesibini enkundleni ngoLwesine kulandela ukubanjwa kwakhe ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Wabanjwa ziiHawks kulandela ukurhintyeleka kwibholo lokufowunela amagosa aphezulu eburhulumenteni, kuquka nabaphathiswa, eboyikisa ngelithi bazakubulawa kumkhambathi wabo babesaya kuba ngamabanjwa.

Ngenjikalanga yangoLwesine, le ndedeba ivele phambi kukaMantyi uSiyabulela Phango inxibe isilamba esimbatshileyo ifakwe amatyathanga, ngenxa yokuba amapolisa ebesoyikisela ukuba ingabaleka. Ebemana ukulaqaza futhi ebungcangcazela.

UMtshutshisi omele umbuso uQuedo Botha uxelele inkundla ukuba umbuso uyayala ibheyile ngaku-April ngenxa yokuba ebekhe wazama ukubaleka eluvalelweni lwamapolisa. Ngenxa yoku, le ndedeba ixoxe isicelo sayo sebheyile ikhonkxwe ngamatyathanga.

Kodwa lo ka-April uxelele inkundla ukuba kwakuba semdleni wobulungisa ukuba anikwe ibheyile, esithi abantwana bakhe ababini (omnye oneminyaka esixhenxe, omnye oneminyaka elishumi elinanye) abanabani ozakubondla.

Enye into ethethwe ngulo ka-April kukuba ufumana izigrogriso eziseleni “ngenxa yabantu endababambisayo”.

Inkundla ikwave ukuba u-April wakhe wafumana izigwebo kumatyala amahlanu afana nala: Ubusela evenkileni (1999); ubusela (2001); ukuqhekeza endlini (2004); ukubetha umntu (2006) nokudlwengula (2007).

Ebuzwa ukuba uphila ngantoni ebomini, u-April uthe: “Ndiphila ngokuthengisela umntu iipilisi zeMandrax, ngamanye amaxesha ndiya kwa-NU 1 ndiyokudlala idayisi.”

Igqwetha likarhulumente elimele u-April, uVuyiseka Kani, uthe akanamdla wokwazi ngento yeMandrax watsho ebuza u-April ukuba wenza malini na kwidayisi. “Ndenza iwaka leerandi (R1 000) ngosuku kwidayisi,” kuphendule u-April.

Ebuzwa nguBotha ukuba idayisi yinto aphila ngayo umhla nezolo kwaye ngubani lo amthengisela iMandrax, u-April uthe: “Idayisi kukungcakaza ngoko ke namhlanje unemali, ngomso ayikho. Ndiyekile ukuthengisa iMandrax kuba ndiye ndaxabana nomntu ebendimthengisela.”

Ukwathe xa enokukhululwa ngebheyile, kukho umhlobo wakhe uMashwabada Gcilishe onguceba kwaWadi 11 eBuffalo City onokumnika umsebenzi.

Ezona zinto zibangele ukubanjwa kuka-April kukoyikisa amagosa karhulumente, ewagrogrisa esithi kukho abantu abafuna ukuwabulala. Abantu asele ebafowunele baquka abaphathiswa uFikile Mbalula noLindiwe Sisulu kwakunye nendimbane yamagosa aphezulu kwarhulumente.

Lo ka-April uxelele inkundla ukuba kukho abantu awayehlala nabo ejele, abapheka iyelenqe lokubulala amagosa aphezulu karhulumente, esithi yena ngokufowunela la magosa ebefuna ukuwalumkisa kweli yelenqe.

Asicaci esona sizekabani ebesibangela ukuba enze oku, kodwa abaphandi beeHawks bathi le nto uyenze into engangonyaka.

Ngenxa yobude bokuxoxwa kwesicelo sebheyile sale ndedeba uMantyi ulihlehlisele umhla wokuqala kweyoMnga eli tyala.