Ngabavoti abanokuguqula imeko eMzantsi

Iinkokheli zemibutho yezopolitiko izizinxadanxada ikhangela iindlela ezintsha zokuqhatha abavoti ukuba baqhubeke bevotela imibutho yabo.

Ngabavoti ngenene abaphethe ikamva lelizwe loMzantsi Afrika ngokuthi bavotele ukuba kuqhubeke imeko eqhubekayo okanye bavotele ukuba kungenelele omnye uRhulumente. Ukusilela kwabavoti ukuthatha isigqibo sokutshintsha imeko kungabangela iingxaki ezinzulu ezifana nokungazinzi okumandla kwemeko yezopolitiko.

Maxa wambi, ingakumbi kumazwe aseAfrika kude kungenelele umkhosi wokhuselo ngenxa yokungabikho kwamandla okwenza utshintsho olufunekayo.

Umbuzo ke ngowokuba zintoni eziye zinyanzele inguqu yezopolitiko. Ukungakhuli kwemeko yoqoqosho, ukungabikho kwamathuba emisebenzi, ulwaphulo mthetho olungalawuleki zezinye zezinto ezinyanzela inguqu elizweni. Ulwaphulo mthetho lukhoboza uqoqosho, uqoqosho ludala amathuba engqesho.

Ngabavoti ke abanokuthi baqinisekise ukuba ngenene le nguqu iyenzeka ngokuthi baqwalasele ukuba ezi zinto zingentla ziqwalaselwe.

Ifuthe labavoti lilo elibangela ukuba kuphume ezinye iinkokheli kungene ezinye elulawulweni. Kwimeko apho abavoti bangalaziyo okanye balibalayo igunya namandla abo ingxaki ihlala iqhubeka.

Yintoni eyenza ukuba abavoti balilibale igunya labo lokuguqula imeko ngeevoti zabo? Iingcali zopolitiko zivumelana ukuba abavoti xa bengakwazi ukuthatha izigqibo, kulula ukulahlekiswa zinkokheli zezopolitiko.

Abavoti xa bevota ngokusekelezelwe kwimbali bahlala bengamaxhoba wokuxelelwa ngembali eyagqithayo, iinzame nemizabalazo yangaphambili. Kumele ke ukuba abavoti bavote ngokusekelezelwe kwimeko yezinto abajongene nazo ngelo xesha.

Ngokwenza njalo bakhusela ikamva lelizwe, kuba baqwalasela umsebenzi owenziwe ngoku, baqwalasele izinto ezizakusa ilizwe phambi. Ukuvota ngoko buhlanga okanye ubuzwe sesinye sezizathu ezibangela ukuba abavoti bangayazi imeko abajongene nazo.

Xa uqwalasela indlela ekuvotwa ngayo ngoku eMzantsi Afrika ibonisa ukuba izigqibo zemibutho evotelwayo zisekelezelwe kubuhlanga okanye iindawo abantu abaphuma kuzo.

Ulwazi oluncinci kubavoti luhlala lubenza amaxhoba weenkokheli zezopolitiko, kuba maxa wambi zibathembisa ngezinto abangenalwazi lokuba zingenzeka okanye azinakwenzeka.

Ukusilela kweenkokheli zemibutho ephikisayo ukufundisa abavoti kwenza ukuba uluntu nesizwe ngokubanzi sibengamaxhoba okondliwa ngobuxoki ngumbutho olawulayo.

Abavoti nabo banoxanduva lokuphuma bekhangela ulwazi oluzakwenza ukuba bathathe izigqibo ezi zizo xa bevota. Kumaphondo afana neMpuma Koloni abavoti boyikiswa ngezinto ezingekhoyo ngenxa yolwazi oluncinci.

Ukungazazi ukuba ngabo abavoti abafaka iinkokheli zopolitiko ezihlalweni kubenza amaxhoba exesha elide. Ngabavoti abanamandla negunya lokuguqula imeko yentlalo yabo ngokuyeka ukuvotela imeko ezibenza nzima ubomi babo.