Ngolimo ingaliwa indlala eMpuma Koloni

IKomishoni ejongene namalungelo oluntu kutshanje ikhuphe ingxelo yokuba abantwana babhuqwa yindlala kweli kwaye iMpuma Koloni ihamba phambili.

Ngenxa yendlala ebhuqa amakhaya echaphazela abantwana leKomishini imemela ukuba isibonelelo sabantwana esikhutshwa ngurhulumente songezwe.

Uninzi labo kuthe kwathethwa nabo ngethuba kusenziwa oluphando uquka abahlali abaziziqu, imibutho ezimeleyo, abazali, abafundisintsapho, amagosa karhulumente nabanye. Ukunqongophala kokutya kubangela ukungondleki ebantwaneni okwenza ukuba inkqubo yokukhula kwabo ichaphazeleke.

Kukutshintsha kwengqonqo eluntwini kuphela okunokunceda ukuphela indlala nokunqongophala kokutya okuchaphazela abantwana.

Ifuthe lemithetho karhulumente libangela ukonqena nokuthanda ukuxhomekeka eluntwini. Asikho isizathu sokuba kubekho indlala ebangela ukungondleki kwabantwana eMpuma Koloni. IMpuma Koloni inomhlaba omninzi kakhulu uhleli wodwa ungasetyenziswa.

Ikhaya ngalinye eMpuma Koloni linawo umhlaba onokusetyenziswa ukulima ukuze kuveliswe ukutya okwanele elo khaya.

Umntwana obonisa impawu zendlala. UMFANEKISO: POCO_BW

Kungenjalo ikhaya ngalinye linazo izihlobo okanye izalamane ezinomhlaba onokusetyenziswa ukulima okanye ukufuya. Imithetho elawula ubunikazi bomhlaba kweli sesinye sezizathu ezenza ukuba kubenzima ukuba abantu bazivelisele ukutya kwabo. Abantu abanelungelo nobunikazi bomhlaba abawulimi.

Ukuba urhulumente angafundisa akhuthaze uluntu ukuba lulime isitiya emakhayeni, kuvuselelwe igadana zokulima iziqhamo ingaphela lendlala ixelwa yileKomishini.

Urhulumente wephandle laseTranskei wayenecebo neendlela zokulwa indlala phakathi kwabantu basezilalini. Abantu kumele ukuba bafundiswe ukuzimela, ngaphandle kokuba thembisa nokubakhuthaza ukuba balinde izinto eziphisayo.

Isizwe senziwa sangamavila ngokuthenjiswa izinto zasimahla kuba abaphetheyo bacenga iivoti ngokunika abantu izinto zasimahla.

Eli lixesha lokuba abantu banikwe uqeqesho kwimingxilo eyahlukeneyo ukuze bazi ukuba iimpilo zabo zixhomekeke kubo. Bakhuthazwe ukuba bavelise ukutya nokufuya ngokunjalo.

Xa abantu befundiswe ukufuya iinkukhu okanye iihagu, lonto ingenza ukuba kutyiwe iqanda rhoqo kusasa kwikhaya ngalinye. Kwangoku njalo xa isizwe sifundiswe saqeqeshelwa ukuxhomekeka kuso, abantu bangakwazi ukuvelisa imifuno emitsha batye imifuno ephilileyo.

Izitiya zeziqhamo nazo zingadlala indima ngokuba abantu bangakwazi ukuzivelisela iziqhamo zabo batye bekwathengisa bengenisa imali ezipokothweni.

Ukunyuswa kwemali yesibonelelo sabantwana ayisosisombululo, ukunyuswa komyinge wokutya abakutya esikolweni ayisosisombululo.

Isisombululo sinye kulemeko kukukhutshwa kwabantu ezindywaleni, ezitalatweni banikwe uqeqesho lokukwazi ukuzivelisela ukutya. Ngolo hlobo abantwana babo bayakufuma isondlo esanele iimpilo zabo.