NguCharity Sonandi owabona amathambo kaMaqoma esiqithini

Charity sonandi

Iqumrhu elijongene nembali kaNkosi Jongumsobomvu Maqoma, iMaqoma Foundation, ikwiphulo lokunika imbeko inkosikazi eyachaza indawo alele kuyo amathambo kaMaqoma esiqithini eKapa.

Ingxelo yomphathi weli qumrhu uVuyo Fani, ithi bakubona kufanelekile ukuba ikhunjulwe le nkosikazi ngenxa yomsebenzi wayo.

“Xa kuthethwa ngokubuya kukaMaqoma akuchazwa ukuba ngubani owachaza indawo alele kuyo amathambo wakhe esiqithini, ngumama uCharity Sonandi waseNcembu eDyoki, sikwiphulo lokwenza isikhumbuzo sakhe, sinika imbeko kuye.”

Ingxelo ithi umzukulwana kaNkosi Maqoma, uLent Maqoma, waba nemibuzo malunga nendawo alele kuyo amathambo kaMaqoma, uluntu lwamaJingqi lacebisa ukuba aye kuvumisa kumama uCharity Sonandi.

“Ukufika kwabo kulo mama wabaxelela ukuba ingcwaba likaMaqoma alikho kumangcwaba abhaliweyo eRoben Island, wabaxelela ukuba elakhe baza kulibona ngokuthi xa bemi phezu kwalo kuza kunetha imvula, xa beligrumba baza kufika ebotshwe ngamatyathanga, wathi baza kubona umngxuma wembumbulu egxalabeni lakhe,” uthethe watsho uFani.

Uthi baza kwenza isiza esinika imbeko, sikhumbula le mboni yamaXhosa ngokunika imbali ngobomi bayo.

Ingxelo ithi ukufika kwayo le nkosikazi esiqithini yathathela kuyo uxanduva lokwalatha ingcwaba likaMaqoma, iphikisa amagosa asebenza esiqithini, yana imvula, afunyanwa ebotshiwe amathambo kaMaqoma, kukwakho nomngxuma egxalabeni.

“Eyona nto isivusela umnyele ngaye kukuba ebeyimboni engumama, eyi-albino, ekwakhubazekile kuba wayehamba ngesitulo esinamavili, sikubona kumele ukuba simnike imbeko,”utsho uFani.

Ingxelo ithi kukho igqiza eliquka umasipala waseLundini, iSebe leMidlalo neNkcubeko namanye amasebe karhulumente ayinxalenye yokukhumbula uSonandi. UNcedile Sonandi ngunyana wekhaya ezalwa kulo le mboni inguCharity yaseNcembu.

“Ngudadobawo yena kum, kodwa ke ndandisithi mama xa ndimbiza, uzelwe ngeyeNkanga ngo1919, waza wabhubha ngeyoKwindla ngo1983, zininzi izinto azenzileyo ngexesha lokuphila kwakhe,” kutsho uNcedile.

Uthi le mboni yayichazela abantu amangcwaba abo abangawaboniyo, enyanga nokunyanga.

“Xa enyanga umntu ongaphilanga ebelala kuloo mzi avuke emxelela ukuba loo mntu uphilile engakhange amtyise neyeza, itsho ingxelo yekhaya.

Ukanti othethe egameni leSebe leMidlalo neNkcubeko eMpuma Koloni, uAndile Nduna, uthi ngenene bayinxalenye yokukhumbula benika imbeko le nkosikazi.

“Ndingaqinisekisa ukuba siyinxalenye yalo mcimbi, sisebenzisana neNkosi Maqoma Foundation, kukwakho neqela loomama elifuna ukwenza lo msebenzi. Kufumaniseke ukuba kukho icala elisilelayo ukuvezwa kukamama uCharity Sonandi,” uthethe oko uNduna.

Urhulumente waseCiskei, phantsi kukaLennox Sebe wadlala indima enkulu ukubuyiswa kwamathambo kaMaqoma.

Amathambo kaMaqoma angcwatywa ngokutsha eNtabakandoda emva kokubuya kwawo esiqithini eKapa.