‘Silithemba lokugqibela singamapolisa eluntwini’

 

“Silithemba lokugqibela singamapolisa eluntwini ingakumbi kweli xesha siphila kulo, apho kwenzeka iziganeko zodushe lwasemakhaya koomama, koosisi, ebantwaneni kanti nakoobhuti. Kungoko ndiye ndiqinisekise ukuba lowo ufikileyo uncedakala ngako konke.” La ngamazwi kaSivuyile Nqaphi onguColonel emaPoliseni ePhondo eZwelitsha.

UNqaphi uzalelwa eZingcuka kuCentane, ungutata koonyana ababini. Ungomnye phakathi kwamapolisa eli loMzantsi Afrika agqamileyo ekuzinikeleni nasekuwuthandeni umsebenzi wakhe. Nangona nje uluntu amaxesha amaninzi lusoloko lugxeka amapolisa ngokungakhathali nangokungathethi kakuhle noluntu, kodwa uNqaphi uthi ukuzama ngako konke ekubeni ofikileyo kuye ecela uncedo amncede kangangoko kwaye aphume engenaso isikrokro ngamapolisa.

“Ayiye indihlale kamnandi ngaphakathi into yokubona umntu engancedakali abe ezokukhala kuthi kuba eyazi yeyona ndawo iya kuthi imncede kwaye elithemba, ndenza ngako konke. Ukuba andikwazi mna ndimgqithisela kugxa wam endiye ndiyazi ukuba uza kumnceda kuba ndifuna angaphumi engafumenanga ncedo,” utshilo uNqaphi.

Uthi ukunceda uluntu kuye kuyinto anokuyifanisa nobizo kuba awuye uxole umoya wakhe xa kungenzekanga ngohlobo anqwenela ngalo emntwini. Uthi oku mhlawumbi kunokwenza nohlobo akhuliswe ngalo ngabazali bakhe uMaMnune kwakunye noNyibidyala kuba ibingabantu abanothando kwaye bekuthanda ukunceda abantu, futhi bengafuni ukubona umntu ohluphekayo.

“ Ukunceda umntu andenzeli kuzenza ngcono okanye kufumana nzuzo, koko yinto endikhule nayo nendikhuliswe ngayo. Nomntu ofowunayo esengxakini andibe ndibuza ukuba uyithathaphi inombolo yam, ndiye ndithi makangene emxholweni nokuba uphi kweli phondo ndimncede kuba amapolisa akholo ukunceda nina,” utshilo uNqaphi.

Oku kuza emva kokuba uNqaphi enconywe kwiqonga lonxibelelwano iFacebook luluntu lusithi ungumzekelo emapoliseni kuba akakhethi bala. Nanini xa umtsalela ufuna uncedo uyakunceda nokuba ukweyiphi idolophu.

UNqaphi ufundele ubuNtlalontle, uqale ukusebenzela eli candelo lesipolisa ngo2007 eqala kuKomani njenge-Employ Health And Wellness engelopolisa. Emva kokusebenzisana namapolisa uthi wacela ukuya kuqeqesho lobuPolisa ePitoli ukwenzela abenolwazi ngabantu asebenzisana nabo kanti kukusabela kwakhe kubizo lwakhe. UNqaphi unesidanga seeMasters kubuNtlalontle (North West University) BA Honours kwiDevelopment Studies (University of WC) . UGrade12 wamphumelela eDondashe S.S.S ngo1998 kuCentane.

Ngaphambili ukhe waqeshwa liphondo apho ebetyelela zonke izikhululo zeli phondo ejonga ukuba ingaba amapolisa awenza kakuhle na umsebenzi kwezi zikhululo, nento athi imncede kakhulu kule ndlela yakhe.