Singabanjwa isinqandamathe esikhusela indoda edlwengule intombi yaso

EKAPA: AKAFUNYANISWANGA enetyala lokudlwengula nokubulala uIyapha Yamile kuphela uOdwa Nkololo, ukwafunyaniswe enetyala lokudlwengula nomntwana wesinqandamathe sakhe owayeneminyaka esixhenxe ngomhla we24 kweyoKwindla kulo nyaka uphelileyo.

NgoMvulo, iNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni ifumene uNkololo enetyala lokudlwengula nokubulala uYamile waseTown Two eKhayelitsha owayeneminyaka emine ngomhla wokuqala kuCanzibe kulo nyaka uphelileyo.

NgoLwesibini, ufunyenwe enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka esibhozo nathandana nonina wayo abangenakuchazwa ngenxa yobuthathaka beli tyala.

Uza kugwetywa ngomhla we27 kule nyanga. Inkundla ifumanise ukuba uNkololo wadlwengula le ntwazana ngomhla we24 kweyoKwindla xa wayeshiywe nayo ebhedini emva kokuba umama wayo osisinqandamathe sakhe esiya emsebenzini.

Ngomhla we30 kuTshazimpuzi, uYamile wachazwa njengomntu olahlekileyo waze umzimba wakhe wafunyanwa ufakwe kwiplasitiki yokulahla inkunkuma ngomhla wokuqala kuCanzibe ngakwindlu yangasese.

Ijaji yenkundla uDianne Davis uthe ubungqina obuphambi kwenkundla bubonakalisa ukuba uNkololo wayidlwengula le ntwazana waze wakhuselwa ngunina wayo, oza kujongana netyala lokuba ngumqobo endleleni yobulungisa.

“Ugqirha wahlola impahla yangaphantsi (panty) waze wafumana imbewu kammangalelwa ebuntombini bexhoba. Kwafunyaniswa nokuba wadlwengulwa nangasemva.Ukanti nobungqina obunikwe ngamangqina buveze ukuba ebengaqali ukuyenza lo nto,” utshilo.

“Umama wentwazana walukuhla umntwana wakhe ukuze angaxeli. Ngokwenza njalo wavala umntwana ilizwi akathetha ngokukhululekileyo ngelixa wayenika ubungqina. Kwakucaca ukuba waxelelwa ukuba makathini apha enkundleni. Izinto awayezithetha apha ziyakhabana nezo wazithetha ngelixa wayebuzwa kubhalwa phantsi ngamapolisa.

“Ndiza kuthumela incwadi kubatshutshisi ukuze amangalelwe ngokuba ngumqobo endleleni yobulungisa,” utshilo uDavis.

Uthe esi sinqandamathe sacebisa uNkololo ukuba abaleke aye eMpuma Koloni ukuze angabulawa ngutata wale ntwazana yakhe. “Isinqandamathe sakho asilongqina elithembakeleyo. Sazama ngandlela zonke ukuba ungabanjwa. Waxoka emapoliseni ngelixa kwakufunwa idilesi zamangqina de azikhangelela nangona ewazi apho ahlala khona,” utshilo.

UDavis uthe uNkololo naye akananyani. “Unike ubungqina obukhabanayo. Ubuziwe ukuba yafumaneka njani iDNA yakho kwimpahla yangaphantsi yomntwana, wathi inokuba wamosulela ngombilo nanjengoko nilala ebhedini enye.”