Thatha isigqibo uyokuvota

Wena ungekathabathi sigqibo malunga nokokuba uza- kuvota na okanye uzakuvotela bani kulonyulo loomasipala elingomhla we- 3 Agasti, mandikuxelele ihlebo. Uphelelwe lixesha.

Ndikuxelela ihlebo xa ndisithi, uninzi labantu beli lizwe alumthandi umntu ofana nawe ongathabathi sigqibo ngokuyokuvota. Hayi ngokuba ubophelelekile ungenakuthabatha sigqibo, kodwa ngenxa yokokuba awufuni yaye awukhathali.

Kuwe kungakhangeleka ngathi akukho mntu ukukhathaleleyo nozixakekisa ngokuthetha kamnandi ngawe kuba enyeke ukukulukuhla ukuze uthathe isigqibo ngokuyokuvota. Kodwa akunjalo.

Emva kweminyaka engaphezulu kwamashumi amabini, eli lizwe lakhululeka, basekhona abanenkathalo nomonde wokukubonisa ukubaluleka kwevoti yakho ukuze kunciphe inani labantu ekuthi ngoku kusele iintsuku ezimbalwa ngaphambi komhla wolwenyulo babe bengekathabathi sigqibo sokuba bazakuvota na okanye bazakuvotela bani de bagqibele ngokungavoti.

Ewe, kusele iintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba kuvotwe, yaye wena ungekathabathi sigqibo ugxeleshiwe ngabo barhalela inkxaso yakho. Ngokweziphumo zakutsha nje ezalekelanayo zophando-nzulu lweHuman Sciences Research Council kunye nolweAfroBarometer, ungomnye wabalinganiselwa kwizigidi ezine zabantu abangekathathi sigqibo nangona iinkokheli zezopolitiko zithe bhazalala zigaya inkxaso.

Uphando-nzulu lubonisa ukuba ugxeleshiwe kuba uyoyikisa ngenxa yokuba nentliziyo elikhuni, awukhathali, awumameli, awubacingeli abanye abantu abanikela ngobomi babo ukuze sifumane ilungelo lokuvota, awulicingeli ilizwe lethu elisaqingqayo ngaphantsi kwenkqubo yolawulo lwentando yesininzi. Nangona kunjalo, uyinxalenye yabantu abanelungelo lokuvota nekungathi xa benokungayi ukuyokuvota kube nengxaki yokwehla kwesidima kwinkqubo yolawulo ngentando yesininzi.

Uyaziwa ukuba awunamdla kwezopolitiko, awuzisi so iindaba ngokwenzekayo elizweni nezehlabathi, awunguye omnye wabantu abalandela kumaphephandaba, koonomathotholo nakumabonakude iintetho ezenziwa ziinkokheli zezopolitiko xa zigaya inkxaso. Ulwazi ngolwenyulo ulufumana kumaqonga ezonxibelelwano okanye kwiingxoxo nje zabantu abakwizithuthi zikawonkewonke okanye kwiindawo zokuthoba unxano.

Inye into endingathanda ukucebisa ngayo. Thatha isigqibo. Luninzi ulwazi ongalusebenzisa ukukhetha ukuba ngubani ofanelwe yivoti yakho. AwungoSolomon wasebhayibhileni othelekisa ngocoselelo abazigqatsela ulwenyulo. Ungummi weli lizwe ofana nathi sonke. Unamaphupha ongathanda afezekiseke usaphila. Thatha isigqibo.

Ukuba ungathabatha isigqibo sokuvota kolu nyulo loomasipala, umgangatho wokhuphiswano kunye nobungqindilili boburhulumente obulandelayo kungaphucula uhlobo iinkokheli zezopolitiko ezifezekisa ngalo izithembiso ezenziwa phambi kolwenyulo.

Woqaphela ukuba umfanekiso wabavoti ngonyaka ka2016 wahluke kakhulu kunalowo wabavoti kwiminyaka edlulileyo xa kuqwalaselwa amava abavoti kunye nabakulindeleyo kulawulo lorhulumente, umehluko kwiinkumbulo ngemvelaphi yelizwe lethu nomzabalazo wenkululeko; amazinga okuhlupheka, awemfundo, kunye nolwazi ngemeko yezopolitiko egqubayo. Iinguqu ezikhawuleza ngolu hlobo ezifika iminyaka ngeminyaka nezichaphazela ubume bentlalo yethu sonke kulindeleke ukuba zibe neziphumo ezibonisa inkqubela kuhlobo ekuvotwa ngalo ngokuthi zibumbe izimvo zabavoti.

Mhlawumbi ufuna ukuva eyona ngxam yezithembiso kolu nyulo. Bonke abagqatswa bathembisa ukuvula amathuba emisebenzi nokusebenzela ukwakha impilo engcono. Kodwa ke akukho nkcukacha zibhekele phi abeza nazo. Abanye bathembisa ukusondeza urhulumente ebantwini ngokuqinisekisa ukuba uvotela umntu okhethwe nguwe, hayi omkhethelwe ziinkokheli zamaqela ezopilitiko.

Nantsi enye into endiphantse ndayilibala: ukuba awunamdla ngeenkcukacha zomgaqo-nkqubo okwizithembiso zolu lwenyulo, kukhona olunye uhlobo ongalusebenzisa ukuthabatha isigqibo. Mamela okuxelelwa yintliziyo yakho.

Ungathi onke amaqela ezopolitiko ayafana kuba akunjalo. Kukho angenza umehluko kwindawo ohlala kuyo. Hlukana nokuthandabuza kuba ivoti yakho ingenza umehluko ngenxa yokubalininzi kwenani labakhuphisanayo kulo nyaka xa kuthelekiswa nolwenyulo loomasipala langaphambili.

Thatha isigqibo.

Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!