Ubanjiwe obethengisa iziyobisi ezifihle kwibhokisi yezihlangu

Iziyobisi kunye nemali efunyenwe kule ndoda. UMFANEKISO: SAPS

NgoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMqungu ka2024 malunga nentsimbi ye-17:30, amalungu esikhululo samapolisa aseKidds Beach ebejikeleza ngeenzame zokuthintela ubugebenga kumatyotyombe aseLillyvale, eMonti xa bebona indoda eneminyaka engamamashumi amathathu anesithoba (39) ubudala iphethe ibhokisi yezihlangu ime ecaleni komthi.

Uthe akubona ukuba amapolisa aza ngakuye wakhetha ukubaleka, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uCaptain Hazel Mqala. Kodwa amapolisa abaleka ambamba. Aye afumana iziyobisi (intsangu, mandrax kunye netiki) kunye nesixa semali esingachazwanga kwibhokisi yezihlangu awayeyiphethe.

Umrhanelwa wabanjwa wabekwa ityala lokuthengisa iziyobisi kwaye uzakuvela phambi kwenkundla yaseMonti ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyoMqungu ka2024.